ISEBE LEZOTHUTHO
INCWADANA YEMVUME
YOKUFUNDA UKUQHUBA
IZITHUTHI EZIKHULU
IKHOWUDI 3
IPhepha 1
Ushicilelo lokuQala - 203
IziCatshulwa ezivela kumThetho weziThuthi zeNdlela zikaZwelonke, ka-1996 (umThetho oyiNombolo yama-93 ka-1996), kunye neMimiselo yeZithuthi zeNdlela zikaZwelonke, ka- 2000.
ISebe loThutho leSizwe
IPhepha lesi-2 LENCWADANA YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
ISINGENISO ISINGENISO
NguMphathiswa - Siza kwenziwa ngokuhlanganyelana neSebe
IPhepha 3 INCWADANA YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
ISILUMKISO!!!!!!!!!!!!!!! ISILUMKISO!!!!!!!!!!!!!!!!
Izenzo zolwaphulo-mthetho - Izenzo zokunyoba neZenzo Zokonakala
Inkoliso yamagosa abandakanyeka ekugunyazisweni nasekukhutshweni kweelayisensi, athembekile.
Kodwa noxa kunjalo, abanye abantu banunusa amagosa ngemali, izipho okanye uncedo olulolunye ukuze bafumane iimvume zokuqhuba.
Kuyenzeka ngamanye amaxesha ukuba amagosa afune imali, izipho okanye okunye ukwenzelelela ukuze akhuphe okanye agunyazise iimvume zokuqhuba ezinjalo.
Ezi zenzo azikho mthethweni !!!!!!
Onke amatyala okuziphatha ngokonakala aya kuphandwa ze bathathelwe amanyathelo abo babandakanyekayo kwizenzo ezilolo hlobo.
Yonke imali ehlawulwayo imiselwe. Ungahlawuli ngaphezulu okanye ufune ukuhlawula ngaphaya kwemali emiselweyo ukuze igosa ligunyazise imvume yakho.
Zonke izimo zokuziphatha ngokonakala mazixelwe. Ukuba unomntu omaziyo ofumene okanye oza kufumana, imvume yakhe yokuqhuba kungekudala, ngokuthembisa okanye ukuvumela isicelo sokunyoba okanye ukuba unolwazi lwesenzo senkohlakalo esibandakanya naliphina igosa, mus'ukuthandabuza ukuqhagamshelana neSebe lezoThutho likaZwelonke ePitoli kwifeksi engu- 012- 309 3812, okanye kwiziko lokusabela ngemfonomfono, elikwingingqi yakho kwii-ofisi zikaRhulumente wePhondo.
IPhepha 4
ISALATHISO ISALATHISO
INTSHAYELELO ...
ULWAZI OLUBALULEKILEYO OLUPHATHELELE KWIMVUME YAKHO YOKUFUNDA UKUQHUBA...
IMITHETHO YENDLELA NEMIBA ENXULUMENE
NAYO...
Izibane ...
Ihutara...
Ukusetyenziswa kwehutara .
Iziqhoboshi ...
I-indikheyitha / izikhombisi zecala esijikela ngakulo isithuthi...
Ummandla wokujika...
Izixhobo ezibonisa ukhanyo olubonisa ukubuy'umva ...
Iindawo zokuma ezisisinyanzeliso ...
Iiselula ...
Ukutshintsha ileyini ...
Imiqondiso yokuqhuba ...
Amabhanti okuzibophelela emotweni ...
Iiwayipha ...
Izithinteli ngxolo /iisayilensa ze-ekhzosti ...
Itanki yepetroli, Umxokolelwano weengcingo zombane kunye nebhetri ...
Injini ...
Ingxolo egqithisileyo ...
Isixhobo sokulinganisa isantya ...
Isantya esimisiweyo ...
Isantya esimiselwe intlobo zezithuthi ezithile ...
Ubude besithuthi bubonke ...
Ububanzi besithuthi bubonke...
Umphakamo wesithuthi uwonke...
Isithintelo ekudityanisweni kwezithuthi ...
Iimeko apho abantu banokukhweliswa kwizithuthi zemithwalo ...
Ukuqhuba kwindlela eyahluliweyo...
Ukuqhuba kwicala elisekhohlo lendlela...
Ukungavunyelwa ukuqhuba egxalabeni lendlela, ngaphandle kwakwiimeko ezithile ...
Ukuhanjiswa kwempahla .
Izinto ezibonakala zinokwenzeka ...
Ukudlula enye imoto ...
Indawo yokumisa imoto ...
Ukuma ...
Imisebenzi yomqhubi gabalala...
Ilungelo lokugqitha kwalowo uhamba ngeenyawo...
Iinqwelo ezishiywe nje...
Oohola bendlela ...
Ukutsalwa/ukurhuqwa kwenqwelo...
Imiqondiso yendlela engxamisekileyo (oonxantathu) ...
Ukunqumla/ ukungena kwindlela kawonke-wonke ...
Amavili ...
Iingozi ...
Ukuqhuba ngokungenankathalo...
Ukuqhuba ngokungenankathalo okanye ngokungenaluhoyo...
Ukuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala okanye iziyobisi ...
IZIXHOBO ZOKULAWULA ISITHUTHI ...
Ezilawula ngesandla ...
Ezilawula ngonyawo ...
IIMPAWU ZENDLELA ...
Iimpawu eziyalelayo ...
Iimpawu ezilumkisayo ...
Iimpawu ezazisayo ...
Iimpawu ezidityanisiweyo ...
Iimpawu zexeshana ...
Imiqondiso yendlela...
Imeko- bume yendlela...
Iimpawu endleleni ...
IPhepha 5
INTSHAYELELO INTSHAYELELO
Le Ncwadana yeMvume yokuFunda ukuqhuba icacisa imithetho yendlela kunye nemithetho enxulumene nayo, ulawulo lwezithuthi kwaneempawu ezenzelwe izithuthi endleleni njengoko iqulunqwe kumThetho kaZwelonke wezeziThuthi eNdleleni.
Ulwazi olupheleleyo lokuqulathwe kule ncwadi luyimfuneko, hayi nje ukuba ufumane imvume yokufunda ukuqhuba kuphela, kodwa ukwazi omawukwenze njani, nini, phi nokuba wenzeni phantsi kweemeko ezithile.
Nangona onke amahlelo eempawu zezithuthi endleleni ebandakanywe ngokupheleleyo kule ncwadi, asizizo zonke iimpawu zehlelo ngalinye ezithe zabandakanywa apha.
Kubalulekile ukusoloko ukhumbula kwaye ugcine engqondweni ukuba le ncwadana asilophepha lasemthethweni. Okuqulathwe apha kusekwe kumThetho nemiGqaliselo kaZwelonke weZithuthi eNdleleni kwaye ichazwe ngendlela elula.
ImiThetho yeZithuthi eNdleleni itshintsha rhoqo, kungoko ke, le ncwadi iya kusoloko ihlelwa njalo, kodwa ke, iingcebiso ezakhayo zokonyusa njalo umgangatho wolu papasho, zamkelekile.
UMbhali
IPhepha 6
ULWAZI OLUBALULEKILEYO OLUPHATHELELE KWIMVUME YAKHO YOKUFUNDA UKUQHUBA KUNYE NOKUSETYENZISWA KWALO.
Umntu uyathintelwa ekufumaneni okanye ekubeni nemvume yokufunda ukuqhuba :
a Ukuba loo mntu uyingedle ekusebenziseni nasiphi isiyobisi esinefuthe lokudakumbisa imizwa okanye ingedle yokusebenzisa utywala obunxilisayo kunye naxa e-:
b nesinye sezi zifo okanye ubulima obulandelayo:
i ukuxhuzula okungalawulekiyo;
iv nayiphi imeko eyenza ukungahambelani okanye ukungalungelelani kwezihlunu;
v isifo seswekile esingalawulekiyo;
vi ukungaboni kakuhle okuqinisekiswe ngokomgaqo omiselweyo;
vii nasiphi na isifo esisesinye okanye ukulimala ngokwasemzimbeni okukokunye okunokumenza ukuba angabinakho ukuqhuba nokulawula isithuthi sebakala elihambelana nelayisensi leyo, ngokufanelekileyo, engabekanga ubomi boluntu esichengeni:
Ngaphandle kokuba ubuthulu abunakuthi ngokunokwabo buthathwe njengesiphene esilolo hlobo.
Ungafaka isicelo sokuvavanyelwa ilayisensi yokufunda ukuqhuba, kuxwebhu lokufaka isicelo olufanelekileyo (form LL1), nakuliphi iziko lokuvavanya, elisemthethweni.
ii zisikwe ngokucacileyo kwaye azinamitshithi;
v mazivelise ubuso bakho buphelele;
b incwadi yakho yesazisi c intlawulo efanelekileyo
Ekukhutshweni kwephepha elibubungqina bentlawulo, iziko liya kukhetha umhla nexesha ekuya kufuneka uze ngawo ukuza kwenza uvavanyo oluvunyiweyo
IPhepha 7
Uvavanyo luya kubandakanya le miba ilandelayo;
a imithetho yendlela neminye imiba egunyazisiweyo, b iimpawu zezithuthi endleleni, imiqondiso neempawu zendlela, kwano-
c lawulo kwisithuthi esikhulu.
Nje ukuba ilayisensi yakho evunyiweyo yokufunda ukuqhuba uyipase, ilayisensi leyo yokufunda ukuqhuba iya kuba semthethweni iinyanga ezilishumi elinesibhozo ukususela kumhla wovavanyo.
Uya kwenziwa uvavanyo lwamehlo kwiziko elo kwaye ilaysensi yokufunda ukuqhuba iya kukhutshwa xa ngaba ukubona kwakho ngamehlo kufikelela kwimigangatho emiselweyo, njengoko iqulunqwe kuMthetho kaZwelonke weziThuthi eNdleleni..
AMANQAKU:
c Lowo unokhowudi 3 wemvume yokufunda ukuqhuba unegunya lokuqhuba nasiphina isithuthi okanye umxokolelwana wezithuthi ngaphandle kwesithuthuthu, isithuthuthu esiyi-trayisekile okanye isithuthuthu esimavili amane.
b Umntu onokhowudi 3 wemvume yokufunda ukuqhuba uya kuqhuba kuphela ezo zithuthi agunyaziswe ukuqhuba zona eselisweni nolawulo ngqo lomntu onemvume/ilayisensi yokuqhuba olo didi lwesithuthi.
c Ukuze ufumane imvume yokufunda ukuqhuba kufuneka ube neminyaka yobudala eli-18.
d Imvume yakho yokufunda ukuqhuba iya kuba semthethweni iinyanga ezilishumi elinesibhozo ukususela ngomhla oluphunyelelwe ngayo uvavanyo.
IPhepha 8 INCWADANA YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
IPhepha 9 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
IZIBANE IZIBANE
Xa usebenzisa isithuthi esikhulu kwindlela kawonke-wonke;
Zonke izibane mazibe azonakalanga,
Mazibe ziqine kakuhle, kwaye zibe nako
Ukukhanyisa maxa onke.
Izibane zangaphambili , izibane zangasemva kunye nezibane zeenombolo zezithuthi mazihlale zikhanyisile
Ngala maxa onke alandelayo, ngexesha;
a eliphakathi kokuphuma nokutshona kwelanga, kunye b nangalo naliphi na ixesha, ngenxa yokukhanya okungenelanga okanye iimeko zesimo sezulu esibi, ekuthi abantu kunye nezithuthi kwindlela kawonke-wonke bangabonakali ngokucacileyo kumgama okwimitha ezili-150.
Ngaphandle kokuba olu lungiselelo aluyi kusebenza kwisithuthi esipakwe;
kwisibane esilayitiweyo, sesitalato esikhanyisela indlela apho isithuthi esilolo hlobo sipakwe khona.
IMitha enguNdoqo (eKhanyayo)
Zonke izibane zangaphambili ezikhupha imitha engundoqo kufuneka ilungelelaniswe kwaye igcinwe ngohlobo lokuba iya kuba nakho ukuba nokukhanyisa ngokwaneleyo, ikhanyisa ubukhulu bendawo engaphambi kwesithuthi, yenze ukuba umqhubi abe nokubona nawuphi na umntu, isithuthi okanye into ecacileyo ekumgama oli-100 leemitha, ubuncinane.
Khumbula ukuhlisa imitha yezibane ezingundoqo (ezikhanyayo),
Zesithuthi sakho ukulungiselela izithuthi ohlangabezana nazo,
Ngokunjalo naxa uhlangabezana nesinye isithuthi.
IMitha yezibane eThotyiweyo
Nasiphi na isibane sangaphambili esikhupha imitha ethotyiweyo
Kufuneka ilungiselelwe kwaye igcinwe ngendlela
Yokuze ibe nokuqaqambisa ngokwaneleyo,
Umgama ongaphambi kwesithuthi, ukulungiselela
Ukuba umqhubi abe nokubona nawuphi na umntu,
Isithuthi okanye into ecacileyo ekumgama
Isithuthi masingaqhutywa kwindlela kawonke- wonke sinezibane zokupaka ekuphela kwazo ezikhanyisiweyo ngeli xa eso sithuthi sihamba/ sishukuma.
Izibane zangaseMva
Awuvumelekanga ukuba uqhube isithuthi
Kwindlela kawonke-wonke ngaphandle kokuba
Sifakelwe izibane ngasemva, zibane ezo
Ezikhupha ilitha elibomvu.
IsiBane ezibonisayo xa isithuthi siMile
Awuvumelekanga ukuba uqhube isithuthi esikhulu
Kwindlela kawonke-wonke ngaphandle kokuba
Sifakelwe, ngasemva, izibane ezibonisayo xa simile
Xa sisebenza kufanele ukuba izibane zikhuphe
Ilitha elibomvu ekufuneka libe likhulu kunelo likhutshwa
Zizibane zangemva kwaye kufuneka
Sibonakale xa kukho ukukhanya okuqhelekileyo
Kumntu obona ngokuqhelekileyo.
IsiBane secwecwe leNombolo
Awuvumelekanga ukuba uqhube isithuthi esikhulu
Kwindlela kawonke-wonke, ngaphandle kwesibane
Secwecwe lenombolo esingasemva, esinye, ubuncinane,
Igama nenani ngalinye laloo pleyiti
Malibe nokubonakala cace kumntu
Ongenangxaki yakubona, okumgama
IziBane zeNkungu
Awuvumelekanga ukuba uqhube isithuthi esikhulu
Nasiphi na isibane senkungu esikweso sithuthi, silayitiwe,
Ngaphandle kwakwiimeko zokungaboni kakuhle
khephu,
nkungu,
fifi lwenkungu,
uthuli, okanye
umsi.
IPhepha 10 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
IsiBane esineLitha eliKhanya kakhulu
Isithuthi esikhulu asinakusetyenziswa
Kwindlela kawonke-wonke xa sifakelwe
Isibane esinelitha elikhanya kakhulu,
Elinokukhupha imitha yokukhanya
Enokuphambukela nakuliphi na icala ukusuka kuso;
Ngaphandle kokuba isibane esinelitha elikhanya
Kakhulu, nesinokulungelelaniswa-
singafakelwa ze sisetyenziselwe iinjongo ezisemthethweni kwizithuthi ezinje ngenqwelo yezigulane, ezokuhlangula, izicima-mlilo, ezamapolisa, okanye ezilawula izithuthi endleleni;
singafakelwa kwisithuthi somntu wezonyango njengogqirha wabantu okanye ugqirha wezilwanyana, sisetyenziswe kwimisebenzi efanelekileyo, okanye
singafakelwa kwisithuthi sokutsala ezinye okanye isithuthi esisetyenziswa ekuhambiseni umbane okanye ezinye iinkonzo zoluntu ezibalulekileyo:
ukuba sisetyenziswa kuphela kwindawo yengozi okanye kwimeko yesithuthi esaphukileyo okanye xa kuxilongwa iipali ezihamba phezulu, zemfonomfono, ezocingo okanye ezombane.
ISIXHOBO SOKULUMKISA ISIXHOBO SOKULUMKISA (IHUTARI)
Awunakusebenzisa nasiphina isithuthi kwindlela kawonke-wonke ngaphandle kokuba sifakelwe isixhobo sokulumkisa (ihutari) esikwimeko efanelekileyo yaye, xa sisetyenziswa siyakwazi ukukhupha isandi esivakala kakuhle kumgama weemitha ezingama-90.
IiSayireni okanye izixhobo zokulumkisa eziculayo mazingasetyenziswa kwizithuthi ezizezabantu.
Akukho mntu oza kusebenzisa ihutari kwindlela kawonke-wonke kwisithuthi ngaphandle kokuba oko kusetyenziswa kufanelekile ngokuphathelele kukhuseleko
IIBREKI IIBREKI
Nasiphi na isithuthi esikhulu esisetyenziswa kwindlela kawonke-wonke masibe sinee;
nebreki yethuba lengxakeko.
Ngaphandle kokuba ibreki yethuba lengxakeko neyokupakisa zingaba yibreki enye edibeneyo.
IZALATHISI NDLELA IZALATHISI NDLELA
Isithuthi esikhulu masibe nezalathisi ndlela, kwaye;
isalathisi ndlela ngasinye masibe nesibane;
xa sisetyenziswa, isibane masibonise ukukhanya okudanyaza ngeziqabu okukhulu kangangokuba kube nokubonakala cace emini kumgama weemitha ezimgama-30 kumntu obona nje kakuhle.
Izibane zezalathisi ndlela, xa zisetyenziswa mazikhuphe ukukhanya okumhlophe, okutyheli nokutyheli-lubhelu ngaphambili, nokutyheli, okutyheli-lubhelu okanye okubomvu ngasemva.
Awunakusisebenzisa isithuthi esikhulu kwindlela kawonke-wonke ngaphandle kokuba zonke iindawo zegiya yokuqhuba zinonotshelwe ngendlela eyenza ukuba isithuthi siqhutywe ngokukhuselekileyo nangokuyimpumelelo.
UMMANDLA WOKUJIKA UMMANDLA WOKUJIKA
Isithuthi esikhulu asinakusetyenziswa kwindlela kawonke-wonke ukuba ummandla wokujika weso sithuthi ungaphezulu kweemitha ezili-13,1.
IPhepha 11 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
Ezibomvu
Isithuthi esikhulu masifakelwe phaya ngasemva kuso iiretro-reflektha ezibomvu zibe mbini, ibe nye kwicala ngalinye.
Ezityheli
Isithuthi esinzima okanye umxokolelwana wezithuthi esibude baso bubonke bungaphaya kweemitha ezisi-7, masifakelwe, kwicala ngalinye leso sithuthi, okanye kwicala ngalinye lesithuthi ngasinye, zidityaniswe zangumxokolelwana, i-
i kumgama weemitha ezintathu womphambili weso sithuthi okanyeumxokolelwana wezithuthi;
ISixhobo esiMenyezelisa Tyheli
Ukusukela ngomhla woku- 1 kaJanuary 2001, isixhobo esimenyezelisa tyheli (njengoko kumiselwe), kunyanzelekile ukuba sifakelwe kumacala nakumva wezithuthi zempahla ezibunzima besithuthi bubonke bungaphaya kwekhilogram ezili-10000.
Zona izithuthi zempahla ezibunzima besithuthi bubonke bungekho ngaphaya kwe-10000 leekhilogram, zinga-fakelwa ngemicu emacaleni nangasemva, kodwa ayisosinyanzelo, kodwa ke, xa isixhobo esimenyezelisa tyheli sifakelwe kwisithuthi sempahla, akukho mfuneko yeretro-reflektha ezityheli, ezibalulwe apha ngasentla.
IINDAWO ZOKUMISA EZISISINYANZELO IINDAWO ZOKUMISA EZISISINYANZELO
Umqhubi wesithuthi oqhuba kwindlela kawonke-wonke, uya kusimisa isithuthi-
ukuthobela nasiphi na isalathisi esixelwa luphawu lwendlela okanye ligosa lolawulo lwezendlela elinxibe iyunifom; okanye
ngokucelwa okanye ngomqondiso owenziwa ngumntu okhokhele okanye oqhuba nasiphi isilwanyana esinjengenkomo, ihashe, idonki, imeyile, igusha, ibhokhwe, ihagu okanye inciniba, endleleni.
Akukho mntu omakaqhube isithuthi kwindlela kawonke-wonke ngelixa abambe iseli foni okanye ifoni ekuhanjwa nayo okanye nasiphi na isixhobo soqhakamshelwano, esandleni esinye okanye ngazo zozibini izandla okanye nangaliphi ilungu lomzimba;
UKUTSHINTSHA IILEYINI UKUTSHINTSHA IILEYINI
Xa eqhuba isithuthi esikhulu kwindlela kawonke-wonke eyahlulwe yaziileyini zezithuthi, ngokusebenzisa iimpawu zendlela, umqhubi makangasuku kwenye ileyini aye kwenye ngaphandle kokuba unokwenza njalo engathintelanga okanye abeke engozini ezinye izithuthi.
IMIQONDISO YOKUQHUBA IMIQONDISO YOKUQHUBA
Umqhubi wesithuthi onenjongo yokuma, okanye ukujikela isithuthi ngasekhohlo okanye ngasekunene, makanike umqondiso obonakalayo, wenjongo yakhe, obonakala nakowuphi umntu osondela kuye ngaphambili okanye ngemva okanye ecaleni, kwaye ube ngexesha elaneleyo ukulumkisa loo mntu ngenjongo yakhe.
IPhepha 12 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
AMABHANTI OKUZIBOPHELA ESITULWENI AMABHANTI OKUZIQHOBOSHELA ESITULWENI
UWiso-mthetho oluphathelele kumabhanti okuzibophelela esitulweni
Ukulungiselela iinjongo zolu lawulo;
umntwana uchazwa njengomntu ominyaka yobudala buphakathi kwesi-3 ne-14, ngaphandle kwaxa umntu lowo ebude bungaphezulu kwemitha e-1,5 , xa ethathwa njengomntu omdala, ingathathelwanga ingqalelo iminyaka yakhe yobudala, kwaye,
umntu omdala achazwe njengomntu ominyaka yakhe yobudala ingaphezulu kwe- 14
Akukho mntu mdala uya ku-;
kuthatha isihlalo nakusiphi na isithuthi ngaphandle kokuba loo mntu uzibophelele ngebhanti yokuzibophelela esitulweni:
thatha isihlalo kuludwe lwezitulo olungafakelwanga amabhanti okuzibophelela esitulweni, ngaphandle kokuba zonke izihlalo ezinamabhanti ezitulo kolo ludwe, se zihleli abanye abantu.
Abantwana
Umqhubi wesithuthi uya kuqinisekisa ukuba umntwana ohleli esihlalweni;
usebenzisa isiqhoboshi sokubamba umntwana esifanelekileyo, xa sikhona; okanye
ukuba asikho isiqhoboshi sokubamba umntwana, aganngxe ibhanti yokuzibophelela esitulweni xa ikhona.
Ukuba asikho isihlalo esinebhanti yokuzibophelela, umqhubi uya kuqinisekisa ukuba umntwana uya kuhlala kwisitulo sangasemva, xa ngabe eso sithuthi silungiselelwe isitulo sangasemva.
IFESTILE ESISIBAMBA-MOYA IFESTILE ESISIBAMBA-MOYA
Ifestile esisibamba-moya engenisa ukukhanya yesithuthi esikhulu, kufuneka ibe-;
nokwenza ukuba umqhubi abe nokubons ngokwaneleyo ukwenzela ukuqhuba okukhuselekileyo,
kwiglasi ekhuselekileyo, kwaye
nokukhupha ukukhanya okubonakalayo ngefestile esisibamba-moya okungama- 70% ubuncinane.
ISIXHOBO SOKOSULA IFESTILE ESISIBAMBA-MOYA ISIXHOBO SOKOSULA IFESTILE ESISIBAMBA-MOYA (iwayipha)
Isithuthi esikhulu esinefestile esisibamba-moya kufuneka ibe nesixhobo sokosula ifestile esisibamba-moya (wayipha) kwaye xa isebenza , yosule umphandle wefestile esisibamba-moya ngqo phambi komqhubi, rhoqo, ngokulinganayo, ngokwaneleyo.
ISITHOTHISI -NGXOLO SOMBHOBHO WOKUKHUPHA UMOYA OKANYE IGESI ISITHOTHISI-NGXOLO SOMBHOBHO WOKUKHUPHA UMOYA OKANYE IGESI
Isithuthi esikhulu masifakelwe ngesithothisi-ngxolo sombhobho wokukhupha umoya okanye igesi esisebenza ngokufanelekileyo, emasi-;
ngakhuphi igesi yombhobho okanye umsi ovela kwinjini emfiliba kangangokuba ide ibe yinkathazo okanye isithe ukubona kwabanye abantu abasebenzisa indlela, okanye
-be kwimo yokuba i-oyile nolwelo olulolunye olunokutsha okanye enye into alunakuchontsizela okanye luwele kuso,
sigcinwe ngohlobo lokuba igesi yombhobho okanye umsi, ayivuzeli kwindawo yomqhubi (ikhebhu) okanye kwikompatimenti yabakhweli (iipasenja).
IPhepha 13 LINCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
Isithuthi esikhulu asinakusetyenziswa kwindlela kawonke-wonke-
ukuba itanki yepetroli ayifakelwanga isiciko esisebenza kakuhle; okanye
ngaphandle kokuba iingcingo zombane nebhetri zifakwe ngokufanelekileyo, zigqunywe ngerabha zikwagcinwe kakuhle khon'ukuze iingcingo nebhetri ezilolo hlobo azinakuba yintsusa yengozi.
INJINI INJINI
Injini yesithuthi esikhulu kufuneka yogqunywe ngohlobo lokuba ayinakuba ngunobangela wengozi.
INGXOLO EGQITHISILEYO INGXOLO EGQITHISILEYO
Akukho mntu oya kusebenzisa isithuthi kwindlela kawonke-wonke, esikwimo yokuba senze ingxolo egqithisileyo.
IMITHA YESANTYA IMITHA YESANTYA (ISPIDOMITHA)
Isithuthi esikhulu esiyilelwe ukuba okanye esinokufikelela kwisantya esingama- 60 ekhilomitha ngeyure (km/h) okanye ngaphezulu, masifakelwe imitha yesantya esisebenza kakuhle nangokufanelekileyo.
IMINYINO YESANTYA IMINYINO YESANTYA
Umnyino wesantya sokuqhuba usebenza kuzo zonke iindlela kwaye akukho mfuneko yokuba ude uboniswe ngomqondiso wezithuthi endleleni.
Ngaphandle kokuba umqondiso wendlela ubonisa ngolunye uhlobo, umnyino wesantya-
sama- 60 ekhilomitha ngeyure siya kusebenza nakuyiphi na indlela kawonke-wonke ekwindawo esedolophini;
120 lekhilomitha ngeyure liya kusebenza kuwo wonke uhola wendlela
UMNYINO WESANTYA WEENTLOBO ZEZITHUTHI EZITHILE
ekhilomitha ngeyure uya kusebenza ngokubhekiselele kwi-
kwisithuthi sempahla esibunzima bubonke bungaphezu kwe- 9000 lekhilogram;
umxokolelwano wezithuthi ezidityanisiweyo onesithuthi sempahla, isiso esitsalayo, netreyila enye okanye ezimbini esinxalenye yobunzima obupheleleyo besithuthi sempahla kunye netreyila bungaphaya kwe-9 000 yeekhilogram; okanye
isithuthi esidityanisiweyo, esibunzima obudibeneyo bubonke belori eyitrekta bungaphaya kwe-9000 leekhilogram.
leekhilomitha ngeyure liya kusebenza ngokuphathelele kwii-
bhasana encinci esetyenziselwa ukuthutha abantu ngenjongo yenzuzo.
IPhepha 14 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
UBUDE BUBONKE BEZITHUTHI EZIKHULU UBUDE BOBONKE BEZITHUTHI EZIKHULU
UWiso-mThetho lulungiselele unyino (uthintelo) lobude bubonke eziluhlobo oluthile.
UBUBANZI BESITHUTHI XA BUBONKE UBUBANZI BESITHUTHI XA BUBONKE
Akuvumelekanga ukusebenzisa ezi zithuthi zilandelayo endleleni kawonke-wonke-
ibhasi emgama wayo ophakathi kwemiqolo ephakathi yamatayari amavili amabini angaphambili ungaphaya kwemitha e-1,9 xa ngaba ububanzi bubonke baloo bhasi bungaphezu kweemitha ezi- 2,6 metres;
isithuthi sempahla esibunzima sabo bubonke buzikhilogram ezili-12 000 okanye ngaphezulu, ukuba ububanzi baso bubonke bungaphezu kweemitha ezi-2,6 metres, okanye
nasiphi isithuthi esisesinye, ukuba ububanzi baso bubonke bungaphezu kweemitha ezi- 2,5.
UMPHAKAMO WESITHUTHI XA UWONKE UMPHAKAMO WESITHUTHI XA UWONKE
Akuvumelekanga ukusebenzisa ezi zithuthi zilandelayo kwindlela kawonke-wonke kunye nawuphi na umthwalo kuso, ukuba umphakamo waso uwonke-
ungaphezu kweemitha ezi-4,6, ngokubhekiselele nakusiphi esinye isithuthi esisesinye.
UTHINTELO (UNYINO) EKUDITYANISWENI KWEZITHU UTHINTELO (UNYINO) EKUDITYANISWENI KWEZITHUTHI
iitreyila ezimbini ubukhulu;
isithuthi esinye esisesinye esingeyotreyila;
Kwimeko yongxamiseko, kuvumelekile esinye isithuthi esingeyotreyila, kunye netreyila.
IIMEKO APHO ABANTU BANOKUKHWELA KWISITHUTHI SEMPAHLA IIMEKO APHO ABAMNTU BANOKUKHWELA KWISITHUTHI SEMPAHLA
Ukuba abantu balayishwe kwisithuthi sempahla, loo ndawo yesithuthi abakhwele kusyo, mayivalwe ukuya kumphakamo o-
IPhepha 15 LEINCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA
UKUQHUBA KWINDLELA EYAHLULIWE KUBINI UKUQHUBA KWINDLELA EYAHLULIWE KUBINI
Bona umzobo okwiphepha 54
Nanini apho indlela kawonke-wonke yahlulwe kubini okanye ngaphezulu, akukho mntu uvumelekileyo ukuba aqhube isithuthi kuloo ndlela kawonke-wonke ngaphandle kokuba uqhuba kwicala lasekhohlo lelo cala lendlela, ngaphandle kokuba uyalelwa okanye uvunyelwa ngumqondiso wendlela ofanelekileyo okanye ligosa lezendlela ukuba asebenzise elinye icala lendlela.
UKUQHUBA KWICALA LENDLELA ELIKWISANDLA SASEKHOHLO UKUQHUBA KWICALA LENDLELA ELIKWISANDLA SASEKHOHLO
Nawuphi na umntu oqhuba isithuthi kwindlela kawonke-wonke uya kuqhuba kwicala lendlela elikwisandla sasekhohlo kwaye, apho indlela ibanzi ngokwaneleyo, ngohlobo lokuba angagabadeli kweso siqingatha sendlela esingasekunene kuye:
Ngaphandle kokuba ukugabadela okulolo hlobo kunokuvumeleka-
apho kunokwenzeka ngaphandle kokuthintela okanye ukubeka esichengeni sengozi ezinye izithuthi, okanye
ngokuthobela umyalelo wegosa lezothutho okanye umqondiso wezithuthi endleleni.
UKWALELWA UKUQHUBA EGXALABENI LENDLELA UKWALELWA UKUQHUBA EGXALABENI LENDLELA, NGAPHANDLE KWAKWIIMEKO EZITHILE, NGAPHANDLE KWAKWIIMEKO EZITHILE
Akukho mntu uvumelekileyo ukuba aqhube isithuthi esikhulu kwindlela kawonke-wonke,kodwa ke noxa kunjalo, ngexesha eliphakathi kokuphuma kwelanga nokutshona kwalo, isithuthi esilolu hlobo singaqhutywa egxalabeni lendlela kawonke-wonke elungiselelwe ileyini enye yezithuthi endleleni kwicala lendlela ngalinye ngelixa olu hlobo lwesithuthi ludlulwa sesinye isithuthi; no-
kuba umqhubi wesithuthi silolo hlobo angenza njalo engazibekakanga esichengeni yena isiqu sakhe, ezinye izithuthi ezisendleleni, abahamba ngeenyawo okanye impahla efana nezakhiwo kuloo ndlela kawonke-wonke;
kuba abantu nezithuthi ezikuloo ndlela kawonke-wonke zibonakala ngokucacileyo kumgama oziimitha ezingama-150 ubuncinane.
UKUTHUTHWA KWEMPAHLA UKUTHUTHWA KWEMPAHLA
Xa impahla ithuthwa ngesithuthi esikhulu;
mayingadibani irhuqe kumphezulu wendlela,
mayingasithi ukubona komqhubi izithuthi endleleni ngaphambili okanye emacaleni, okanye ukubona kwakhe kwisipili okanye izipili zokubonisa izithuthi endleleni, ezingasemva;
kufuneka i-
i phatheke ngendlela ekhuselekileyo kumzimba weso sithuthi; okanye ii ibotshelelwe ngokuqinileyo kweso sithuthi,
ikhuseleke ngokufanelekileyo ekushenxisweni okanye ekuchithekeni kweso sithuthi;
nakwesiphi isikhongozeli (into yokuphatha), isikhongozeli eso masibotshw nkqi "ngeentambo eziphothiweyo" ezine ubuncinane
IMPAHLA EPHOKELEYO (ETHE PHUHLU) IMPAHLA EPHOKELEYO (ETHE PHUHLU)
Xa uqhuba isithuthi esikhulu,,
makungabikho mpahla ethe ephokele ngaphezu kweemilimitha ezingama-300 ukugqitha isiphelo somphambili wesithuthi,
makungabikho mpahla ethe ephokele ngaphezu kwemitha e-1,8 ukugqitha isiphelo somva wesithuthi, kwaye
makungafakelwa zibrakethi (azibalwa izibane ezibonisa okungasemva ezisemacaleni ) eziphokele ngaphezu kweemilimitha ezili-150 ukuya emacaleni.
Kwiimeko apho nawuphi na umthwalo uphokele ngaphezu kweemilimitha ezili-150 ukuya emacaleni, okanye ngaphezu kweemilimitha ezinagama-300 ukuya ngasemva, mawuphawulwe nge-;
flegi okanye iiflegi ezibomvu emini, ze
ibe ziretro-riflektha ebusuku, okanye ngalo naliphi ixesha apho abantu nezithuthi bengabonakali kakuhle ngenxa yeemeko ezingentlanga.Iiretro-riflektha ezimhlophe ngaphambili ze ibe ziiretro-riflektha ezibomvu ngasemva.
IPhepha 16 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
UKUDLULA ESINYE ISITHUTHI UKUDLULA ESINYE ISITHUTHI / UKUGQITHA
Umqhubi wesithuthi onenjongo yokudlula esinye isithuthi esiya kweli cala aya kulo kwindlela kawonke-wonke uya kugqitha ngasekunene kwaso kumgama okhuselekileyo kwaye akayi kuphinda aqhube kwicala lendlela elingasekhohlo (enxele) de abe ugqithe ngokupheleleyo ngokukhuselekileyo kwizithuthi ebezidlula.
Ukudlula ngasekhohlo kwakuvunyelwa kuphela xa umntu oqhuba isithuthi esidlula esinye anokukwenza oko ethathele ingqalelo yokhuselekolwakhe nolwezinye izithuthi ezisendleleni, naxa-
isithuthi esidlulwayo sijikela kwicala laso elingasekunene okanye umqhubi waso enze umqondiso wenjongo yakhe yokujikela kwicala lakhe lasekunene;
indlela elolo hlobo iyindlela kawonke-wonke kwindawo esedolophini kwaye[T1]-
i ithintelwe izithuthi eziya kwicala elinye; kwaye ii indlela yanele kuphela ububanzi bemigca emibini nangaphezulu zezithuthi ezihambayo;
indlela elolo hlobo, yindlela kawonke-wonke kwaye indlela le inobubanzi obanele imigca emibini nangaphezulu zezithuthi eziya kwicala ngalinye;
indlela yomgaqo ithintelwe kwizithuthi eziya kwicala elinye kwaye yahlulwe yaziileyini zezithuthi endlelelni ngeempawu zendlela ezifanelekileyo; okanye
eqhuba ngokuthobela imiyalelo ayinikwa ligosa lezendlela.
Ngaphaya koko ngaphandle kokuba angekhe nakuyiphi na imeko ukudlula esinye isithuthi kuya kwenzeka ngokuqhuba egxalabeni lendlela okanye kungqameko lwendlela kawonke-wonke.
Umqhubi wesithuthi akayi kudlula ezinye izithuthi endleleni eziya kwicala elinye naye kwindlela kawonke-wonke xa esondela -
inkcochoyi yendawo enyukayo;
igophe; okanye
nayiphi enye indawo apho ukubona kakuhle kusithekile kangangoba ukudlula okulolo hlobo kunokwenza ingozi ngokunxulumene nezinye izithuthi endleleni ezinokusondela kwicala elilelinye, ngaphandle kokuba -
angakwenza oko engaphokelanga kwicala lendlela elikwisandla sokunene ; okanye
umgaqo wendlela wendlela elolo hlobo awuvulelwanga izithuthi eziya kwicala elinye.
Xa uqonda ukuya kwicala elinye kwezinye izithuthi endleleni kwaye zinqwenela ukudlula isithuthi sakho -
qhuba kufutshane nongqameko lwendlela kangangoko unakho. Ngaphandle kokuzibeka wena esichengeni okanye ezinye izithuthi ezisendleleni okanye izakhiwo (impahla), kwaye
musukonyusa isantya sesithuthi sakho de sibe sidlulile esinye isithuthi.
Xa sel'eza kugqitha izithuthi ezijongene naye, umqhubi wesithuthi kufuneka aqinisekise ukuba isithuthi sakhe asiphokeli, kumgaqo wendlela ngasekunene kwakhe kangangokuba angasitha okanye abeke esichengeni sengozi izithuthi zendlela ezimhlangabezayo.
Umqhubi wesithuthi esijonge ukugqitha ibhasi emileyo, makakwenze oko ngenkathalo enkulu elumkele abantu abasondela okanye abaphuma kuloo bhasi.
Iphepha 17 INCWADANA YOVAVANYO LOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
nakuyiphi indawo apho "ukuma" kungavumelekanga;
ngokwaphula nawuphina umqondiso wezithuthi endleleni;
kwisithuba esiziimitha eziyi-1,5 wombhobho wamanzi okucima umlilo,
ngohlobo lokuba igabadele kwindledlana yokuhamba esecaleni; okanye
ngohlobo lokuba ithintele (isithe) nayiphi na indawo yokungena isithuthi.
okanye nakuyiphi indawo yomgaqo wendlela (ngaphandle kwamagxalaba) kawonke-wonke ongaphandle kwindawo esedolophini okanye nangayiphi na indawo yesithuthi esilolo hlobo kumgama wemitha e-1 kungqameko lomgaqo wendlela.
Akukho mntu uvumelekileyo ukuba apake isithuthi kumgaqo wendlela kawonke-wonke phakathi kwindawo eyidolophu-
kumgama oziimitha ezili-9 zecala ahlangabezan angakulo nendawo enqumla abahamba ngeenyawo, ngaphandle kokuvunyelwa ngumqondiso wendlela yezithuthi;
kumgama oziimitha ezi- 5 zayo nayiphi na indlela enqumlana nenye, ngaphandle kokuba ukupaka okunjalo kuvumelekile ngokophawu lwendlela yezithuthi endleleni;
ngaphezu kwentsebenzo-matshini eqhubekayo, yophawu lwezithuthi endleleni;
engaphantsi kweemitha ezi-5,5 ububanzi, ngaphandle kokuba ivunyelwa ngumqondiso wendlela;
akukho mntu uvumelekileyo ukuba apake isithuthi sakhe kwisiqithi sendlela okanye kwindawo okanye ileyini yabahamba ngeenyawo.
UKUMISA UKUMISA
Ngaphandle kokulungiselela ukukhusela ingozi, okanye ukuthobela umyalelo womqondiso wendlela okanye ngokomyalelo onikwa ligosa lezendlela, okanye nangasiphi isizathu esingaphaya kolawulo lomqhubi, akukho mntu omakamise isithuthi kwindlela kawonke-wonke-
ecaleni komngxunya okanye isithinteli kwindlela kawonke-wonke ukuba ezinye izithuthi endleleni zingasengozini ngenxa yoko kumisa;
kufutshane nakuliphi itonela okanye uphuma ngaphantsi okanye ibhulorho okanye kumgama weemitha ezintandathu zalo naliphi itonela, uphuma ngaphantsi okanye ibhulorho okanye iimitha ezintandathu kufutshane nalo naliphi itonela, uphuma ngaphantsi okanye ibhulorho;
kwi- okanye malunga neemitha ezintandathu ukusuka ekuqaleni okanye kwisiphelo sayo nayiphi na okanye indawo yendlela apho ububanzi obuqhelekileyo buncitshisiweyo ngenxa yaso nasiphi isizathu esithile ;
ngokuphikisana nawo naluphi uphawu lwendlela;
kwicala lesandla sasekuknene sendlela elijongene nezithuthi ezizayo;
ecaleni elimelene okanye elichasene naso nasiphi isithuthi kwindlela engaphantsi kwimitha ezili-9 ububanzi;
kumhlaba wesiporo sikaloliwe apho kukhi isiporo esinqumla indlela ;
kwiimitha ezilithoba kwicala lakhe elisondela kwindawo ewela abantu eneebloko okanye;
nakuyiphi indawo apho ukumisa isithuthi kungenza ingozi okanye ukuthinteleka kwezinye izithuthi zendlela.
Iphepha 18 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDELA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
IMISEBENZI JIKELELE YOMQHUBI IMISEBENZI JIKELELE YOMQHUBI
Akukho mntu oqhuba isithuthi sendlela kwindlela kawonke-wonke oya-
kuqhuba isithuthi ngosomva ngaphandle kokuba unokukwenza oko ngokungenakwenza ngozi;
kulandela emva kwesinye isithuthi kufutshane kakhulu kunokuba kufanelekile;
kuvumela nawuphi umntu isilwanyana okanye into ahlale ngohlobo lokusitha umqhubi ekuthini abe nolawulo olupheleleyo, lwentshukumo yesithuthi;
kuvumela nawuphi omnye umntu ukuba abambe okanye aphazamisane nevili lokuqhuba okanye ukusebenzisa nayiphi intsebenzo matshini yesithuthie;
kuvunyelwa ukuba xa eqhuba nesiphi isithuthi, ahlale ngohlobo lokuba angabinalawulo lupheleleyo ,lwesithuthi;
ashiye isithuthi sisodwa, kwindlela kawonke-wonke engakhange aziqhoboshe iibreki ukukhusela ukuba isithuthi eso singashukumi kwindawo esishiywe kuyo;
ukuba isithuthi eso sipakishwe okanye simile asishukumi ecaleni kwendlela enje ngale, akukho mntu uya kuvunyelwa ukuba aqhube isithuthi ukusuka kuloo ndawo ngaphandle kokuba unokukwenza oko engaphazamisananga nezithuthi ezihambayo ezivela nakuliphi icala kwanangokhuseleko lwakhe nolwabanye abantu;
kungaphumeleli ukuvulela indlela nesiphi isithuthi esikhalisa sixhobo okanye intsimbi yokulumkisa;
nasiphi na isiqephu (isizekevu) somzimba wakhe ukuba sithi phuhlu ngaphaya kwesithuthi esilolo hlobo ngethuba ihamba kwindlela elolo hlobo ngaphandle kokuba unika nokuba luluphi uphawu lwesandla;
kuvumela nawuphi umntu okanye isilwanyana ukuba ahlale eluphahleni, kwinqwanqwa okanye iplanga okanye nayiphi na engaphezulu kwisithuthi ngeli xesha isithuthi eso sishukuma okanye sihamba;
kwenza okanye avumele injini yesithuthi ukuba idume ngohlobo lokuba ikhuphe umsi okanye umsi oqhumisayo obungenakuphuma ukuba injini leyo ibikwimo elungileyo ;
kwenza okanye avumele ukuba injini yesithuthi idume ngeli xa isithuthi simile kwaye singanyanyekelwanga mntu;
kuthi ngokungenankathalo okanye ngokuthanda abeke ipetroli okanye nasiphi na isibaso esilulwelo okanye nayiphi i-oyile okanye igrisi okanye nantoni enokuvutha okanye enokonakalisa, ephuma kweso sithuthi endleleni okanye ecaleni kwendlela kawonke-wonke; okanye;
enze okanye avumele injini yesithuthi eso ukuba idume ngeli xa ipetrolo okanye ngeli xa kusithiwa kwitanki yepetroli, nayiphi na ipetroli enokuvutha;
Akukho mntu oya kuqhuba, atsalele okanye atyhilizele isithuthi kwindledlana yokuhamba abantu, esecaleni komgaqo.
IPhepha 9 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDELA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
ILUNGELO LOKUGQITHA KWABAHAMBA NGEENYAWO ILUNGELO LOKUGQITHA KWABAHAMBA NGEENYAWO
Umqhubi wesithuthi makayilde ukunika ilungelo lokugqitha, athobe isantya okanye eme, xa kufuneka njalo, ukuze anike ilungelo lokugqitha kumhambi ngenyawo onqumla indlela
Ekumhlaba wokunqumla kwabahamba ngeenyawo.
Ukuba kunokwenzeka ukuba isithuthi sime kwindawo yokunqumla abahamba ngeenyawo, umqhubi waso nasiphi isithuthi esisesinye akavumelekanga ukuba egqithe kwesi sithuthi simileyo.
ISITHUTHI ESISHIYWE SODWA / ESITYESHELWEYO ISITHUTHI ESISHIYWE SODWA / ESITYESHELWEYO
Isithuthi esishiywe sodwa ixesha eliqhubekayo elingaphezulu kwee-;
yure ezingama- 24 kwindawo enye kwindlela kawonke-wonke kumhlaba ongaphandle kowedolophu;
ntsuku ezisi- 7 kwindawo enye kwindlela kawonke-wonke kumhlaba ongaphakathi kowedolophu;
zakuthathwa njengesiyekiweyo okanye esilahliweyo ngumnini-so.
Awusayi-;
kwenza naliphi ivili ukuba lirhuqe okanye lijikeleze kumphezulu wendlela, ngaphandle kakwimeko engxamisekileyo;
ukusebenzisa iverhe okanye izihlangu phakathi kwamavili esithuthi esihambayo ecaleni kwendlela nakumphezulu womgaqo lowo; okanye
ukusebenzisa nasiphi isithuthi okanye into okanye ukuqhuba isithuthi endleleni ngendlela engadala umonakalo kwindlela leyoendleleni apho.
OOHOLA BENDLELA OOHOLA BENDLELA
Akuvumelekanga ukusebenzisa ezi zithuthi zendlela kuhola wendlela-
isithuthi esitsalwa sisilwanyana;
ibhayisekile;
isithuthuthu esinenjini enesilinda esimthamo waso (ikhaphasithi) ongekho ngaphezulu kuma-50cc (tyhubhikhi sentimitha) okanye esiqhutywa ngamandla ombane;
itrayisekile okanye isithuthuthu esihamba ngamavili amane;
isithuthi esambuku saso singekho ngaphezulu kwama-230 eekhilogram kwaye siyilwe ngohlobo olukhethekileyo, esakhiwe saze salungiselelwa ukusetyenziswa ngumntu onobulima bomzimba; okanye
Akukho mntu uya kuvumeleka ukumisa isithuthi kuhola wendlela ngaphandlet-
ethobela uphawu lwendlela okanye umyalelo onikwa ligosa lezendlela;
kummandla omiselwe ukumisa okanye ukupaka kwezithuthi, ngophawu olufanelekileyo, lwezithuthi endleleni, okanye
nangasiphi isizathu esingaphaya kwamandla akhe.
Akukho mntu uya -
umqondiso wesandla xa eqhuba isithuthi kuhola wendlela ngaphandle kwesizathu esingaphaya kwamandla akhe.
oya kuhamba ngeenyawo kuhola wendlela kwiimeko eziqhelekileyo.
kushiya okanye avumele isilwanyana ukuba sibe kuhola wendlela okanye ashiye isilwanyana kwindawo apho sinokuthi siphambukele kuhola wendlela.
IPhepha 20 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
UKUTSALWA KWEZITHUTHI UKUTSALWA KWEZITHUTHI
Akukho mntu uya kuvunyelwa ukutsala esinye isithuthi kwindlela kawonke-wonke -
ukuba ubude bentambo, ityathanga okanye intonga yokutsala eyintsimbi phakathi kwezithuthi ezibini ingaphezulu kweemitha ezi-3,5;
ngaphandle kokuba igiye yokuqhuba yesithuthi esitsalwayo ilawulwa ngumntu onemvume (ilaysensi) yokuqhuba eyikhowudi yolo hlobo lwesithuthi;
ukuba iziqhoboshi (ibriki) zesithuthi esitsalwayoasihambelani neemfuno ezimiselweyo, ngaphandle kokuba isithuthi esitsalayo sidityaniswe kwisithuthi esitsalwayo ngentonga yokutsala;
ngesantya esingaphaya kweekhilomitha ezingama- 30 ngeyure, ngaphandle kokuba isithuthi esitsalayo sidityaniswe kwisithuthi esitsalayo ngentonga yokutsala;
IMIQONDISO ELUMKISAYO, YENGOZI IMIQONDISO ELUMKISAYO YENGOZI
Sonke isithuthi esikhulu (esibunzima baso bubonke bungaphaya kwama- 3 500 eekhilogram), esisetyenziswa kwindlela kawonke-wonke, masiphathe kuso umqondiso olumkisayo omnye, ubuncinane, wengozi, olumkisayo
Apho isithuthi simileyo endleleni kawonke-wonke, umqhubi weso sithuthi makabeke emboniselweni umqondiso olumkisayo. Wengozi omnye, ubuncinane.
UKUNQUMLA/UKUNGENA KWINDLELA KAWONKE-WONKE
UKUNQUMLA/ UKUNGENA KWINDLELA KAWONKE-WONKE
Umqhubi wesithuthi akasayi kunqumla indlela kawonke-wonke ngaphandle kokuba indlela ayinazithuthi zihambayo endleleni umgama owaneleyo ukumvumela ukuba anqumle ngaphandle kokuphazamisana okanye abeke esichengeni sengozi ezinye izithuthi ezisendleleni.
Umqhubi wesithuthi akasayi kungena endleleni kawonke-wonke ngaphandle kokuba angakwenza oko ngokhuseleko kuye nakwezinye izithuthi ezisendleleni.
IPhepha 21 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
IINGOZI IINGOZI
Nawuphi na umqhubi wesithuthi esibandakanyeka engozini okanye onegalelo nakuyiphi na ingozi maka -
mise isithuthi sakhe ngokukhawuleza;
qondisise ngobume nangobukhulu bokwenzakala ukuba ngaba kukho;
anike uncedo anokulunika kumntu owenzqkeleyo;
qondisise ngobume nangobukhulu bawo nawuphi umonakalo owenzekileyo;
nike igama nedilesi yakhe kwanegama nedilesi yomnini wemoto ayiqhubayo, nenombolo mbhalo yesithuthi xa efunwe ukuba enze njalo nanguwuphi umntu onomhlaba owaneleyo wokuba afune ezi nkcukacha;
ukuba akakanikeli ngegama lakhe nelomnini moto kwanedilesi nenombolo-mbhalo yesithuthi kwigosa lezendlela elikwindawo yengozim makayixele kwizikolamapolisa zingaphelanga iiyure ezingama-24I ze anike naziphi iinkcukacha ezizezinye ezinokufunwa ngaye.
ngathathi nasiphi isiselo esiphazamisa ingqondo okanye naziphi iziyobisi, ngaphandle engekayixeli ingozi, ngaphandle kokuba uyalelwe ngugqirha.
Ukuba kukho umntu oswelekileyo okanye olimeleyo engozini, kwaye ingozi leyo idala ukuthinteleka okupheleleyo endleleni makungabikho sithuthi sisisuswayo kwindawo ethe yaphumla ngayo phantsi, ngaphandle kokuba indawo leyo ithe yaphawulwa ngokucacileyo kumgangatho wendlela ngumntu osusa isithuthi eso, okanye kube ukususwa kwenziwe ngokomyalelo wegosa lezendlela.
UKUQHUBA NGOKUNGACINGELIYO UKUQHUBA NGOKUNGACINGELIYO
Akukho mntu omakaqhube isithuthi endleleni engabacingeli abanye abantu abasebenzisa indlela.
UKUQHUBA NGOKUNGENANKATHALO UKUQHUBA NGOKUNGENANKATHALO
Akukho mntu uya kuqhuba isithuthi endleleni kawonke-wonke -
ngokungakhathaliyo okanye ukungabinankathalo; nange-
ndlela engaluse-so ukhuseleko lwabantu okanye impahla, ekwenza oko ngabom.
UKUQHUBA UKUQHUBA UPHANTSI UPHANTSI KWEEMPEMBELELO KWEEMPEMVBELELO ZOTYWALA OBUNXILISAYO ZOTYWALA OBUNXILISAYO OKANYE IZIYOBISI OKANYE IZIYOBISI
Akukho mntu uya -
kuqhuba isithuthi kwindlela kawonke-wonke;okanye
ahlale kwisihlalo somqhubi saso nasiphi na isithuthi ngeli xa injini yaso iduma, ngexesha ephantsi kweempembelelo zotywala okanye isiyobisi esinefuthe lokudakumbisa imizwa.
IPhepha 22 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
IINDAWO ZOKULAWULA ISITHUTHI ESIKHULU IINDAWO ZOKULAWULA ISITHUTHI ESIKHULU
- Isipili esibonisa ngasemva (esingaphakathi)
- Isisuli (wayipha) festile yangaphambili esisithinteli moya
- Isipili esibonisa ngasemva (esisecaleni)
- Ivili lokuqhuba
- Isixhobo esibonisa icala esiza kujikela ngakulo isithuthi - I-indikheyitha
- Igiye esetyenziswa ekutshintsheni
- Iklatshi
- Iibriki
- Umcephe wokunyusa isantya
- Ihutara
IPhepha 23 INCWADANA YEMVUME YOKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
Akukho mqhubi osafundayo omakazame ukuqhuba isithuthi phambi kokuba aziqhele ngokwaneleyo izixhobo zokusilawula.
Ezi zixhobo zokulawula zingohlulwa zibe ngamaqela amabini, angala;
EZO ZILAWULWA NGESANDLA EZO ZILAWULWA NGESANDLA
Ivili lokuqhuba
I-injini
Ihutara
Igiye- liva
Izipili
IVILI LOKUQHUBA
Isetyenziswa ukuqhubela imoto kwicala elithile
Isixhobo esibonisa icala esiza kujikela ngakulo isithuthi / Ii-indikheyitha
Ukulumkisa abanye abasebenzisi ndlela ngeenjongo zomqhubi.
IHUTARA
Ukwenza ukuba abahabi ngeenyawo babuthathele ingqalelo ubukho bakho.
IGIYE-LIVA
Ukukhetha igiye efanelekileyo
Ukugcina isithuthi esipakiweyo simile.
IZIPILI
Zenza ukuba umqhubi abe nakho ukubeka esweni imeko yezinye izithuthi ezisendleleni, ezingasemva.
IZIXHOBO EZILAWULWA NGONYAWO EZILAWULWA NGONYAWO
Iklatshi
Isetyenziswa ukonyusa /ukunciphisa isantya sesithuthi
Isetyenziswa ukulawula isantya sesithuthi okanye ukusenza sime ngxi.
IKLATSHI
Isetyenziswa ukunqumamisa uqhakamshelwano phakathi kwenjini nesixhobo esenza isithuthi sihambe (ukugqithisela).
Ezi zixhobo zolawulo ziyinxalenye ebaluleke kakhulu ebizwa ngokuba "Sisixokolelwano zokuLawula iSithuthi", eza eza kuchazwa "KwiNcwadaba yeMvume yokuQhuba"
IPhepha 24 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA ISITHUTHI ESIKHULU
IIMPAWU ZEZITHUTHI ENDLELENI IIMPAWU ZEZITHUTHI ENDLELENI
IIMPAWU ZENDLELA - - IIMPAWU ZENDLELA
IPhepha 25 INCWADANA YEMVUME YOKUFUNDA UKUQHUBA IZITHUTHI EZIKHULU
IIMPAWU ZENDLELA EZIYALELAYO IIMPAWU ZENDLELA EZIYALELAYO
INJONGO ZEEMPAWU EZIYALELAYO/ EZILAWULAYO:
Imiqondiso elawulayo isetyenziswa ukuyalela, ukulawula, nokuthintela izenzo zabasebenzisi ndlela ngendlela yokuba baya kwenza okanye bangenzi izenzo eziboniswa ziimpawu ezilolo hlobo.
UPHAWU
INJONGO
PHI
OMAKWENZEKE
Uphawu oluthi yima
Lukubonisa ukuba umise isithuthi ngxi
Esekileni
Misa isithuthi sakho isiphelo somphambili waso singqamane nophawu, okanye ukuba umgca wokumisa usetyenziswe kunye nophawu, isiphelo somphambili masibe semva komgca wokumisa ngqo, sukugqitha de kube kukhuselekile ukwenza njalo.
Uphawu oluthi yima (kwalona luthi ) mela enye (Yilda)
Lukuxelela ukuba usimise ngxi isithuthi, okanye ugqithe ukuba kukhuselekile ukwenza njalo, ukuba ufuna ukujika
Esekileni
Ukuba unenjongo yoku-
qhubeleka phambili okanye ukujikela ekunene esiphambukeni, yenza njengoko ubuya kwenza kuphawu oluthi yima; okanye qhubeka ngasekhohlo esiphambukeni, kufuneka umele zonke izithuthi eziziinqwelo ezivela ngasekunene, ungegqithi de kube kukhuselekile ukwenza njalo.
Lukuyalela ukuba usimise ngxi isithuthi
Esekileni
Ukuba usondela kolu phawu, yenza njengakuphawu oluthi yima, kwaye ungaqhubeleki ukuya esiphambukeni de kwasithuthi esime nakuwuphi umgca wokumisa esekileni kuqala kunawe, esingakunqumla endleleni yakho, sibe sisikile mpela esekileni.
Uphawu oluthi yima- olumacala mane
Lukuxelela ukuba umise isithuthi ngxi
Esekileni
Ukuba usondela kolu phawu yenza njengakuphawu oluthi- yima, kwaye awunakuqhubeleka ukuya esiphambukeni de kwasithuthi ebesimise nakuwuphi umgca wokumisa esiphambukeni kuqala kunawe, esonganqumla endleleni yakho sibe sisukele mpela esekileni
Uphawu oluthi yiba bumisa/ yilda
Ukuba ucothise okanye ume xa kufuneka njalo, ukuze unike ithuba kwezinye izithuthi
Esekileni
Xa usondela kolu phawu, kufuneka uvulele esinye isithuthi ezisendleleni edibana nale uhamba kuyo, kwimeko apho isithuthi sikufutshane kangangoba singadala ingozi.
Akungenwa
Olu phawu luxela ukuba akungenwa zizo zonke izithuthi eziziinqwelo
Ekungeneni kwendlela
Ungangeni kule ndlela okanye indawo.
Ukuba bumisa/yilda kwisekilana encinci
Ukucothisa okanye ukuma ukunika ithuba lokugqitha kwesinye isithuthi esisesekileni encinci
Ekusondeleni kwisekilana encinci
Xa usondela kwisekilana encinci, mela nasiphi isithuthi esiza kuwela umgca wokuyilda kuqala kunawe nesinganqumla kwindlela yesithuthi sakho. Hamba njengakumjikelo wewotshi esiphambukeni uzame ukuba unhaphokeli kwisekilana encinci.
Unojikeleza
Ukucothisa nokuma, xa kufanele njalo ukuze uvulele indlela izithuthi ezingasekunxele apha kunojikeleza
Apho izitalato okanye iindlela ezimbini zihlangana khona, ze kwenzeke isiqithi setrafikhi
Soloko uhamba njengakumjikelo wewotshi ze unike ithuba kwizithuthi ezivela ngasekunene, apha kunojikeleza.
Uphawu olubeka phambili abahamba ngeenyawo
Ngabahabi-ngeenyawo kuphela abavumelekileyo kule ndawo
Le ndawo ibekelwe ukuba ibe ngummandla wabahamba ngeenyawo
Zezi zithuthi zilandelayo kuphela eziya kuvunyelwa kule ndawo -
isithuthi, ngenjongo yokusa okanye yokulayisha umthwalo;
isithuthi esenza umsebenzi onxulumene nokulungisa; okanye isithuthi sokuxakeka okungxamisekileyo
Uphawu oluthi mela abahamba ngeenyawo
Ukumela unika ithuba kwabahamba ngeenyawo esekileni
Xa usondela kolu phawu, jonga ulumkele abahamba ngeenyawo ze unike ithuba lokugqitha kubo bonke abahamba ngeenyawo xa kufaneleke njalo.
abahambi ngeenyawo kuphela
Luxela ukuba indela kawonke-wonke okanye isuntswana lendlela kawonke-wonke ibekelwe ukuba isetyenziswe ngabantu abahamba ngeenyawo kuphela
Nayiphina indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo eliphawulelwe oko
Abahambi ngeenyawo abavumelekanga
Akuvumelekanga ukuba abahambi ngeenyawo bagqithe kolu phawu
Nayiphi indlela kawoke-wonke okanye isuntswana layo eliphawulwe njalo
Akuvumelekanga ukuba abahambi ngeenyawo begqithe kolu phawu.
Indlela eya cala-nye kuphela
Luyalelela umsebenzi wendlela ukuba aye kuphela kwicala eliyalelwa luphawu lendlela
Kwiindlela apho icala eziya ngakulo izithuthi zithintelekile/zinyiniwe ukuba ziye kwicala elinye kuphela
Xa uhammba kule ndlela, yiya kuphela kwicala eliboniswa lutolo.
Cotha ube sakumela (yilda) izithuthi ojongene nazo
Luyalela umsebenzisi ndlela ukuba amisele izithuthi eziza ngaphambili, ze agqithe kuphela xa kukhuselekile ukwenza njalo
Apho ububanzi bendlela bunyiniweyo
Thoba isantya okanye ume, xa ngaba kuyimfuneko ukuba umisele izithuthi eziza ngaphambili ze uqhubeke xa kukhuselekile ukwenza njalo.
Hlala ngasekhohlo
Lubonisa umsebenzisi ndlela ukuba egqithe ngakwisandla sekhohlo kuphela, njengoko kuboniswa lutolo, kwisithinteli esisendleleni olubekelwe lona olu phawu
Kwisithinteli esisendleleni
Soloko uphuma ngasekhohlo lwesithinteli esisendleleni apho kubekwe khona olu phawu.
Yiya ngasekhohlo kuphela
Luyalela umsebenzisi ndlela ukuba aye kuphela kwicala eliboniswa lutolo oluseluphawini
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kuyimfuneko khona ukulawula ukuhamba kwezithuthi kwicala elithile
Yiya kuphela kwicala elikhonjwa lutolo oluseluphawini.
Luyalela umsebenzisi ndlela ukuba aye kuphela kwicala elikhonjwa lutolo oluseluphawini
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke, apho kuyimfuneko khona ukulawula ukuhamba kwezithuthi kwicala elithile
Yiya kuphela kwicala elikhonjwa lutolo oluseluphawini.
Jika ngasekunene
Luxelela umsebenzisi ndlela ukuba aye kuphela kwicala elikhonjwa lutolo oluseluphawini
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke, apho kuyimfuneko khona ukulawula ukuhamba kwezithuthi kwicala elithile
Yiya kuphela kwicala elikhonjwa lutolo oluseluphawini.
Jika ngasekhohlo
Luxelela umsebenzisi ndlela ukuba aye kuphela kwicala elikhonjwa lutolo oluseluphawini
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke, apho kuyimfuneko khona ukulawula ukuhamba kwezithuthi kwicala elithile
Akujikwa ngasekhohlo phaya ngaphambili
Luyalela umsebenzisi ndlela ukuba angajikeli ngasekhohlo esiphambukeni okanye kwindawo yokungena phaya ngaphaambili
Ekusondeleni kwindlela eya cala-nye
Musa ukujika ekhohlo esiphambukeni okanye kwindawo yokungena engaphambili.
Akujikwa ngasekunene phaya ngaphambili
Luxelela umsebenzisi ndlela ukuba angajiki ngasekunene esiphambukeni okanye kwindawo yokungena phaya ngaphambili
Ekusondeleni kwindlela eya cala-nye
Musa ukujika ekunene esiphambukeni okanye kwindawo yokungena phaya ngaphambili.
Akuvumelekanga ukujika ngasekhohlo
Luxelele umsebenzisi ndlela ukuba angajiki ngasekhohlo
Esiphambukeni apho indlela ohamba kuyo ihlangana nendlela eya cala-nye
Musa ukujikela ngasekunene apho ubona khona olu phawu.
Uphawu lwesantya esimiselweyo
Lubonisa umsebenzisi ndlela ukuba isantya esimiselweyo ngaphaya kolu phawu sisantya esikhomba iikhilomitha ngeyure eluphawini
Musa ukugqitha kwisantya esilolu hlobo, ngokuqhuba ngaphezu kwesantya esikhonjiswe eluphawini.
Isantya esisesona esincinane
Lukhombisa umsebenzisi ndlela esona santya sisezantsi sivumelekileyo kule ndlela okanye isuntswan alayo
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo apho isithuthi singenakuqhutywa ngesantya esingaphantsi kuma-50 eekhilomitha ngeyure
Musa ukuqhuba ngesantya esingaphantsi kweso sikhonjiswe eluphawini.
Sibonisa ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo yeyokusetyenziswa kuphela zizithuthi zemithwalo ezinobunzima bubonke okanye ubunzima bubonke ubudibeneyo bungaphezulu kobo bukhonjwe eluphawini
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo
Akukho sithuthi emasiqhutywe kule ndlela, ngaphandle kwesi sikhonjwe eluphawini.
Izithuthi ezincinane kuphela
Lukhombisa ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo libekelwe bucala ukusetyenziswa zizithuthi ezincinci kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo
Akukho sithuthi esisesinye ngaphandle kwesiboniswe eluphawini, ekuvumelekileyo ukuba siqhutywe kule ndlela.
Iibhayisikile kuphela
Luxela ukuba indlela awonke-wonke okanye isuntswana layo libekwe bucala ukusetyenziswa ngabakhweli zibhayisikile kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo
Akukho sithuthi esisesinye nagaphandle kwesiboniswe eluphawini, ekuvumelekileyo ukuba siqhutywe kule ndlela.
Iibhasi kuphela
Luxela ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo libekwe bucala ukusetyenziswa ziibhasi kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo
Akukho sithuthi esisesinye ngaphandle kwesiboniswe eluphawini, ekuvumelekileyo ukuba siqhutywe kule ndlela.
Luxela ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo libekwe bucala ukusetyenziswa zizithuthi ezihambisa impahla kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo
Akukho sithuthi esisesinye ngaphandle kwesiboniswe eluphawini, ekuvumelekileyo ukuba siqhutywe kule ndlela.
Izithuthi zemithwalo kuphela
Lukhombisa ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo lubekwe bucala ukusetyenziswa zizithuthi zempahla kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo
Akukho sithuthi esisesinye ngaphandle kwesiboniswe eluphawini, ekuvumelekileyo ukuba siqhutywe kule ndlela.
Indawo yokubhatalela indlela erhafelwayo
Lubonisa indlela erhafelwayo
Apho iqala khona indlela erhafelwayo
Kuya kufuneka ubhatale irhafu xa uqhubeka uhamba kule ndlela. Ukuba awufuni kuhlawula mali, kofuneka usebenzise indlela eyenye njengoko kuxeliwe.
Khanyisa izibane zakho ezikhulu zangaphambili
Luxelela umsebenzisi ndlela ukuba akhanyise izibane zakhe ezikhulu zangaphambili
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kungakhanyi ngokupheleleyo
Qinisekisa ukuba imitha ezihlileyo yesithuthuthu sakho ikhanyisiwe.
Lubonisa umsebenzisi ndlela ukuba angasebenzisi isixhobo sokulumkisa (ihutari) sesithuthuthu sakhe kwi-100 leemitha emva kokuba egqithe olu phawu
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kufuneka inzolo
Musa ukusisebenzisa isixhobo sokulumkisa (ihutari) sesithuthuthu sakho, ngaphandle kwaxa ungenakunceda, kumgama we-100 leemitha ngaphaya kolu phawu.
Izithuthi ezingenamvume azivumelekanga
Lukhombisa ukuba umsebenzisi ndlela angayi ngaphaya kolu phawu ngaphandle kokuba unemvume yokwenza oko
Nakuwuphi uhola wendlela
Musa ukusebenzisa indlela okanye isuntswana layo apho kuboniswe olu phawu, ngaphandle kokuba unikwe imvume yoko.
Akuvumelekanga ukudlula esinye isithuthi
Luxelela umsebenzisi ndlela ukuba angedluli kwesinye isithuthi esiya kwicala elinye naye kumgama ongama-500 eemitha ngaphaya kolu phawu
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho ukudlula esinye isithuthi kuyingozi kakhulu ukuba kungavunyelwa oku
Thoba isantya uhlale ngasemva kwetrafiki ubuncinane iimitha ezingama-500 ngaphaya kolu phawu.
Luyalela umsebenzisi ndlela ukuba angasijiki isithuthuthu sakhe ukuze sijonge kwicala eliphikisana neli akulo
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke aphoukjika okulolu hlobo kunokwenza ingozi kwabanye abasebenzisi bendlela okanye kuwe
Yiya phambili de kube kukhuselekile ukujika ubuyela emva.
Akupakishwa apha
Luyalela umsebenzisi ndlela ukuba angapakishi kwisuntswana lendlela kawonke-wonke apho kuboniswe khona olu phawu
Yiya phambili de kube kukhuselekile okanye kuvumelekile ukupakisha.
Akumiswa apha
Lukhombisa umsebenzisi ndlela ukuba angasimisi isithuthuthu sakhe endleleni okanye egxalabeni lendlela kawonke-wonke apho luboniswe khona olu phawu
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho ukumisa kungadala ingozi komnye umsebenzisi ndlela okanye kuwe
Yiya phambili de kube kukhuselekile okanye kuvumelekile ukumisa.
Luyalela umqhubi webhasi encinci ukuba angaqithi ngaphaya kophawu
Musa ukugqithela ngaphaya kophawu, xa uqhuba isithuthi esifana nesi siboniswe eluphawini.
Umnyino wobubanzi o
Bubonisa umqhubi wesithuthi ukuba angegqithi eluphawini ngaphndle kokuba ububanzi besithuthi bubonke bungaphantsi kobo buboniswe eluphawini
Ukuba ububanzi besithuthi sakho bungaphazulu kobo buboniswe eluphawini, musa ukugqitha ngaphaya kophawu.
Lukhombisa umqhubi wesithuthi esinesambuku sisonke somthwalo we-asile esingaphezulu kweso sikhonjiswe eluphawini, ukuba singegqitheli ngaphaya kophawu
Umnyino womphakamo
Lukhombisa umqhubi wesithuthi ukuba angalugqitheli ngaphaya kophawu ngaphandle kokuba umphakamo wesithuthi sakhe uwonke ungaphantsi kunalowo ukhonjiswe eluphawini
Ukuba umphakamo wesithuthi sakho ungaphaya kwalowo ukhonjiswe eluphawini, ungegqitheli ngaphaya kophawu.
Umnyino wobude
Lukhombisa umqhubi wesithuthi esimphakamo waso bungaphaya kwalowo ubonisiweyo, ukuba angegqitheli ngaphaya kophawu
Ukuba ubude besithuthi sakho bubgaphaya kobo buboniswe eluphawini, ungegqitheli ngaphaya kophawu.
Indawo ebekelwe isithuthuthu
Lukhombisa ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo ligcinelwe izithuthuthu kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, apho ukusetyenziswa kwayo kubekelwe izithuthi eziluhlobo oluboniswe eluphawini kuphela
Ukuba ungumqhubi/umkhweli wesithuthi esingesiso esikhonjwe eluphawini, awuvumelekanga ukuba ugqithe ngaphaya kophawu.
Indawo ebekelwe isithuthi esihambisa impahla
Lukhombisa ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, ligcinelwe izithuthi ezikhonjwe eluphawini kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, apho ukusetyenziswa kwayo kunyinelwe ukusetyenziswa zizithuthi ezikhonjwe eluphawini kupheala
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, apho ukusetyenziswa kwayo kunyinelwe ukusetyenziswa zizithuthi ezikhonjiswe eluphawini kuphela.
Indawo ebekelwe ukusetyenziswa zizithuthi zokwakha
Lukhombisa ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo ligcinelwe izithuthi zokwakha kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, ligcinelwe izithuthi ezikhonjwe eluphawini kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswan alayo, apho ukusetyenziswa kwayo kunyinelwe ukusetyenziswa zizithuthi ezikhonjwe eluphawini kuphela.
Indawo ebekelwe iziththi ezihambisa impahla enobungozi
Lukhombisa ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, apho ukusetyenzisa kwayo kubekelwe izithuthi ezikhonjwe eluphawini kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo kubekelwe ukusetyenziswa zizithuthi ezikhonjiswe eluphawini
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, apho ukusetyenziswa kwayo kubekelwe izithuthi ezikhonjiswe eluphawini kuphela.
Indawo ebekelwe ukumisa ibhasi
Lukhombisa ukuba indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo igcinelwe ukusetyenziswa zizithuthi ezikhonjwe eluphawini kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, apho ukusetyenziswa kwayo kubekelwe izithuthi ezikhonjiswe eluphawini kuphela.
Nakuyiphi indlela okanye isuntswana layo, apho ukusetyenziswa kwayo kubekelwe ukusetyenziswa zizithuthi ezikhonjiswe eluphawini kuphela.
Ukugcinwa kweeleyini zebhasi
Lubonisa ukuba isuntswana lwendlela kawonke-wonke yileyini yebhasi kwaye libekelwe ukusetyenziswa ziibhasi kuphela
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke okanye isuntswana layo, apho ukusetyenziswa kwayo kugcinelwe ukusetyenziswa zizithuthi ezikhonjiswe eluphawini kuphela
Nakuyiphi indlela kawone-wonke okanye isuntswana layo, apho ukusetyenziswa kwayo kubekelwe ukusetyenziswa zizithuthi eziboniswe eluphawini kuphela.
Uhola wendlela ondlela nye uyaqala
Lukhombisa abasebenzisi bendlela ukuba uyaqala uhola wendlela onekhareji elinye
Kuzo zonke iindawo ezingena kuhola wendlela
Lumkela ezinye izithuthi ezihlangana kwiindawo zokungena.
Uhola wendlela ondlela mbini uyaqala
Lukhombisa abasebenzisi bendlela ukuba uhola wendlela onamakhareji amabini uyaqala
Kuzo zonke iindawo ezingena kuhola wendlela
Lumkela ezinye izithuthi ezihlangana kwiindawo zokungena .
Olu phawu lukhombisa abahamba ngeenyawo ukuba bangegqithi ngaphaya kolu phawu ngamaxesha akhonjwe eluphawini
Abantu abahamba ngeenyawo abavumelekanga ukuba begqithe kolu phawu ngamaxesha akhonjwe eluphawini.
Olu phawu lukhombisa abasebenzisi bendlela ukuba akuvumelekanga ukumisa ngamaxesha akhonjwe eluphawini
Nakuwuphi uhola wendlela
Abaqhubi bezithuthi abavumelekanga ukuba bemise apho kuboniswe khona olu phawu, ngamaxesha abonswe kwakolu phawu.
Lukhombisa abasebenzisi bendlela ukuba ukupakisha akuvumelekanga ixesha elimisiweyo ngexeesha eliboniswe eluphawini
Nakuwuphi uhola wendlela
IIMPAWU EZILUMKISAYO
Iimpawu ezilumkisayo zisetyenziswa ukulumkisa abaqhubi bezithuthi ngeemeko eziyingozi ezindleleni okanye emigaqweni esondeleleneyo.
UPHAWU
INJONGO
PHI
OMAKWENZIWE
Ukuphambana kweendlela
Lulumkisa umsebenzisi ndlela ukuba kukho imigaqo ephambanayo ngaphambili
Xa usondela kwisiphambano apho imigaqo emikhulu iphambanayo
Hamba kancinci ulumkele netrafiki evela ngasekunene nangasekhohlo
Ukuphambana kweendlela okuncinci
Lulumkisa umsebenzisi ndlela ukuba kukho imigaqo ephambanayo ngaphambili kwaye usendleleni ebalulekileyo/ekudidi lokuqala
Xa usondela esiphambukeni apho kuphambana khona iindlela, encinci nenkulu
Noxa unelungelo lendlela xa uhamba emgaqweni omkhulu, jonga itrafiki evela ngasekhohlo okanye ngasekunene emgaqweni omncinci.
Ukuphambana kweendlela okuncinci
Lulumkisa umsebenzisi ndlela ukuba kukho imigaqo ephambanayo ngaphambili kwaye usendleleni engabalulekanga
Xa usondela esiphambukeni apho kuphambana khona imigaqo emibini, omkhulu nomncinci
Hamba kancinci ulumkele itrafiki evele ngasekhohlo nangasekunene. Yima xa kuvela itrafiki nokuba kukweliphi icala kuba banelungelo lendlela.
Lulumkisa umsebenzisi ndlela ukuba kukho isiphambuka esingu-T ngaphambili apho kufuneka ajike kufutshane kabukhali ngasekhohlo okanye ekunene
Xa usondela esiphambukeni esingu-T apho kudibana khona iindlela ezimbini
Hamba kancinci, ume xa kufaneleke njalo. Qhubeka kuphela xa kukhuselekile ukwenza njalo.
Lulumkis umsebenzisi wendlela ukuba kukho isiphambuka esingu-T ngaphambili apho kufuneka ajike kufutshane kabukhali ngasekhohlo okanye ekunene
Xa usondela esiphambukeni esingu-T apho kudibana khona iindlela ezimbini
Hamba kancinci, ume xa kufuneka njalo. Qhubeka kuphela xa kukhuselekile ukwenza njalo.
Isiphambuka sendlela engenela ecaleni
Lulumkisa umsebenzisi ndlela ukuba ngaphambili, kukho isiphambuka sendlela esecaleni ngasekhohlo
Xa usondela isiphambuka apho indlela enye idibana nenye ngasekhohlo
Ukuqala kwendlela embaxa-mbini
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela enetrafiki eya kumacala omabini iyaphela kwaye sel'eza kungena kwindlela enetrafiki eya kwicala elinye iyaqala
Xa usondela emgaqweni ombaxa-mbini apho itrafiki iya kwicala elinye kuphela
Qhuba ngasekhohlo kangangoko.
Ukuphela kwendlela eya macala omabini/embaxa-mbini
Lulumkisa umsebenzisi ndlela ukuba indlela enetrafiki eya cala-nye iyaphela nokuba sel'eza kungena kwindlela enetrafiki eya kumacala omabini
Xa usondela kwindlela apho itrafiki iya macal'omabini
Qhuba ngasekhohlo kangangoko unakho.
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba phambili kukho isekilana encinci okanye unojikeleza
Hamba kancinci okanye ume xa kufuneka njalo, ukuvulela indlela omnye umqhubi.
Igophe elijika kancinci
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngegophe elijika kancinci phambili, ngasekhohlo
Xa usondela kwigophe elisendleleni
Hlisa isantya ukuze sifanele imeko.
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngegophe elilidolo elibukhali elijikela ngasekhohlo
Xa usondela kwigophe elilidolo elibukhali elisendleleni
Hamba kancinci ngesantya esifanele imeko.
Igophe esilidolo elibukhali kakhulu de sibe ngathi sisipeliti
Lulumkisa umsebenzi wendlela ngegophe elingaphambili elibukhali ngathi ngu-u, lijikela ngasekhohlo
Xa usondela kwigophe elisisipeliti elisendleleni
Hamba kancinci ngesantya esifanele imeko.
Indlela engamajikojiko
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela ineqela lezagope eziphinyelayo /amajikojiko phaya ngaphambili, aqala ngegope eliya ngasekhohlo
Xa usondela kumagope angamajikojiko endleleni
Hamba kancinci ngesantya esifanele imeko.
Indlela ehamba izithuthi eziya macala omabini
Lulumkisa umsebenzisi wendlela osendleleni ehamba izithuthi eziya cala-nye ukuba indlela engaphambili ihamba izithuthi eziya macala omabini
Xa usondele kwindlela apho izithuthi ziya macala omabini
Hamba ngasekhohlo kangangoko kukhuselekileyo.
Ukuphambana kweendlela eziya macala omabini
Lulumkisa umsebenzisi wendlela oya hamba kwindlela eya cala-nye ukuba indlela eziphambanayo ezilandelayo zinetrafiki eya macala omabini
Xa usondela kwisiphambuka apho iindlela eziphambanayo kukho izithuthi eziya macala omabini
Hlala ngasekhohlo ze ulumkele itrafiki macala omabini.
Ileyini iyaphela
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba inxalenye yendlela buyancitshiswa ububanzi bayo ngeleyini yonke ngasekhohlo
Hamba kancinci futhi utshintshe ileyini xa kukho imfuneko yoko.
Indlela yokuqhuba esitheleyo
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba ezinye izithuthi zingangena endleleni ngaphambili zisuka kwiindlela ezisitheleyo macala omabini, ngendlela yokuba ngenxa yokungaboni kakuhle zinganobungozi kwaye keufuneka kuqhutywe ngenkathalo enkulu
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho itrafikhi idibana ezindleleni ezisitheleyo kubasebenzisi bendlela
Hamba kancinci ngesantya esngenangozi kwimeko elolu hlobo kwaye ulumkele itrafiki ahlangana macala omabini.
Kukho izibane zetrafiki/irobhothi ngaphambili
Luyala umsebenzisi ndlela ngobukho kwerobhothi ngaphambili
Xa usondela ekuhlanganeni kweendlela nakuyiphi indlela kawonke-wonke
Hamba kancinci, umise xa kufaneleke njalo.
Ukulawulwa kwetrafiki
YIMA"
ngaphambili
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngobukho bophawu lokumisa ngaphambili
Hamba kancinci, ume xa kufaneleke njalo.
Itonela
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngobukho betonela kulo mgaqo, phambili
Xa usondela kwitonela kwindlela kawonke-wonke.
Hamba kancinci futhu ukhanyise izibane eziphantsi zemoto, xa kukho imfuneko.
Indawo enqumla abahamba ngeenyawo
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngendawo yokunqumla abahamba ngeenyawo, ephawulweyo
Xa usondela kwindawo yabahamba ngeenyawo ephawuleyo, kwindlela kawonke-wonke
Hamba kancinci kwaye umise xa kukho imfuneko, ukunika ilungelo lendlela kwabahamba ngeenyawo.
Abahamba ngeenyawo
Lulumkisa abasebenzisi bendlela ukuba kungahle kubekho abahamba ngeenyawo phambili
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kunokulindeleka ubukho babahamba ngeenyawo
Hamba kancinci kwaye ulumkele abahamba ngeenyawo endleleni.
Abantwana
Lulumkisa umsebenzisindlela ukuba kungahle kubekho abantwana ngasezikolweni, kwiindawo zokudlala, kumabala ezemidlalo okanye ezinye iindawo phambili
Hamba kancinci kwaye ulumkele abantwana endleleni.
Lulumkisa umsebenzisi ndlela ngokuba kungahle kubekho abakhweli zibhayisekile phambili
Izilwanyana zasendle phambili
Lulumkisa umsebenzisi ndlela ukba kungahle kubekho izilwanyana zasendle ezinqumlay okanye ezibhadula kwindlela kawonke-wonke phambili
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kungalindeleka izilwanyana zasendle.
Izilwanyana zasefama phambili
Lulumkisa umsebenzisi wesithuthi ukuba kungahle kubekho izilwanyana zasefama ezinqumla okanye ezibhadula kwindlela kawonke-wonke phambili
Hamba kancinci waye ulumkele izilwanyana zasefama endleleni.
Ibhulorho emxinwa phambili
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba ububanzi bendlela buncitshisiwe ebhulorhweni endleleni, phambili
Nakuyiphi indlela xa usondela ebhulorhweni apho ububanzi bunciphileyo
Hamba kancinci ume xa kufaneleke njalo.
Isakhiwo esibubanzi bulingene isithuthi esinye, phambili
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba ububanzi besakhiwo esisendleleni phambili, singaphantsi keemitha ezintlanu
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke xa usondela isakhiwo apho ububanzi bungaphantsi kweemitha ezi-5
Hamba kancinci, ulumkele itrafikhi kwaye ume ekungeneni ukuna isithuthi esivela kwelinye icala sesiphakathi kwisakhiwo, okanye sesikufutshane kuso kangangoba singadala ingozi.
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngeengquzu zesantya endleleni
Hamba kancinci ngesantya esifanele imeko.
Isango lezithuthi (eliphakathi)
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba kukho isango lezithuthi eliphakathi endleleni, phambili
Xa usondela kwisango lezithuthi endleleni kawonke-wonke
Hamba kancinci ngesantya esingenabungozi.
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba kukho isango lezithuthi endleleni ngasekhohlo, phambili
Xa usondela kwisango lezithuthi endleleni kawonke-wonke
Hamba kancinci ngesantya esingenabungozi.
Isilumkiso gabalala
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba kukho isiphazamiso esinobungozi, esimo sayo singakhethekanga, esifane senzeke nanini,esiguquguqukayo, endlelni phambili
Xa usondela engozini kwindlela kawonke- wonke
Hamba kancinci ume xa kufaneleke njalo.
Ingxinano
Lulumkis umsebenzisi wendlela ngengxinano enokubakho endeleni phambili
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kukholisa ingxinano khona
Hamba kancinci ume xa kufanele njalo.
Umqengqelezi omkhulu okanye udonga lomlambo
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela engaphambili iya kumqengqelezi omkhulu okanye eludongeni lomlambo
Apho indlela kawonke-wonke iphela kumqengqelezi okanye kudonga lomlambo
Hamba kancinci kwaye uthathe amanyathelo afanelekileyo.
Izibuko
Lulumkisa umsebenzisi wendlela nezibuko elingaphambili elisenokuba namanzi, urhexe lwamatye okanye ezinye izinto ezizezinye
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kukho izibuko phambili
Hamba kancinci ngesantya esifanele imeko.
Isithuthi sezolimo
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba iitrekta nezinye izithuthi zolimo ezihamba kancinci zikholisa ukunqumla okanye ukungena kule ndlela
Lumkela izithuthi zolimo ezihamba kancinci.
Ukuqala indlela enorhexe /intlalutye
Lulumkisa umsebenzizi wendlela ukuba indlela engaphambili iza kuba norhexe ,intlalutye
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kuphela khona indlela yetha
Hamba kancinci ukuqinisekisa ukugcina umgama ongenakwenza bungozi.
Ukuncipha kokuba nokubona
Luyala umsebenzisi wendlela ukuba kungahle kubekho ukungaboni kakuhle phambili
Nakuyiphi indlel akawonke-wonke apho ukubona kukhlisa ukuncipha ngenxa yomsi,inkungu okanye iimeko ezifana nezo
Hamba kancinci kwaye ulumkele iziphazamisi.
Inqwelo moya ebhabhela ezantsi
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngokubakho kwenqwelo ebhabhela ezantsi kubumelwane bomgaqo
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke kufutshane nesikhululo seenqwelo moya
Lindela inqwelo moya kwingingqi enolu phawu.
Ukunqumla isiporo
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngesiporo esindlela -nye apho kunqunyulwa khona esiporweni
Xa usondela apho kunqunyulwa khona esiporweni
Hamba kancinci, ume xa kufaneleke njalo.
Ukunqumla isiporo
Lulumkisa umsebenzi wendlela ngesiporo esindlela-mbini apho kunqunyulwa khona esiporweni
Xa usondela apho kunqunyulwa khona isiporo.
Hamba kancinci, ume xa kufuneka njalo.
Icangca elibonisa umwonyo
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngokubakho kwento eyohlukanisayo endleleni phambili ekufuneka eyidlule ngasekhohlo okanye ekunene
Nakuwuphi uhola wendlela kancinci nje phambi kokuba ufike kweso siphazamiso
Hamba kancinci futhi ulumkele isiphazamiso emasidlulwe ngasekhohlo okanye ngasekunene.
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngokubakho kwento eyohlukanisa endleleni phambili ekufuneka eyidlule ngasekhohlo okanye ekunene
Nakuwuphi uhola wendlela kancinci nje ukuba ufike kweso siphazamiso
Hamba kancinci kwaye ulumkele isiphazamiso emasidlulwe ngasekhohlo okanye ekunene njengoko kuboniswa lutolo.
Icangca elibonisa ingozi
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngesiphazamiso okanye ekulungelelalinisweni kwendlela ngasekunene okanye ekhohlo lendlela
Nakuwuphi uhola wendlela kancinci nje phambi kokuba ufike kweso siphazamiso ngasekunene okanye ngasekhohlo lendlela.
Lumkela ingozi
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela iphambukeliswa ngasekunene phambili ngenxa yokutshintsha okusisaquphe
Nakuwuphi uhola wendlela apho izithuthi ziphambukiselwa ngasekunene
Hamba kancinci ngesantya esifanele imeko.
Itshevroni yegophe elibukhali
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela iphambukiselwa ngasekunene phambili ngenxa yokutshintsha okusisaquphe
Nawuphi uhola wendlela apho izithuthi ziphambukuselwa ngasekunene
Hamba kancinci ngesantya esifanele imeko.
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela ayiqhubeleki ngaphaya kwesiphambuka nokuba makajike ngasekunene okanye ekhohlo
Ekusondeleni kwisiphambuka esingu-T apho indlela iphele khona kwaye kufuneka ujikele ngasekunene okanye ekhohlo
Hamba kancinci kwaye uzilungiselele ukuma xa kunokufuneka njalo.
Itshevroni ebonisa ukuphela kwendlela
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela ayiqhubeleki ngaphaya kolu phawu
Apho indlela iphelayo okanye kungavumelekanga ukungena kuyo
Hamba kancinci ze ujike kuba indlela ayiqhubeleki ngaphaya kolu phawu.
Isithinteli sokuvala indlela
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela okanye ukungena kuyo kuvaliwe xa ngexa uphawu lubekwe ngokuthe tyaba
Apho indlela kawonke-wonke ivaliwe okanye ukungena kungavumelekanga
Hamba kancinci ze ujike kuba ukungena akuvumelekanga
Icangca ephezulu, yengozi
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngesiphazamisi esiphezu komgaqo
Nakuyiphi indlela kawonke-wonke apho kunokulindeleka khona isithintelo
Hamba kancinci ze uqunisekise ukuba isithuthi sakho aiza kusiphepha isiphazamiso.
IIMPAWU ZOLWAZI NOKUKHOKELA IIMPAWU ZOLWAZI NOKUKHOKELA
INJONGO:
Ezi zimpawu zendlela ezikhombisa indawo, icala, umgama, ezobumnandi, isibonelelo, indawo enomdla, indawo enomtsalaane kubakhenkhethi, okanye nayiphi na indibaniselwano yezi, okanye uphawu lwendlela lwezothutho olunika ulwazi jikelele okanye icebiso kubasebenzisi.
IIMPAWU ZOLWAZI
UPHAWU INJONGO PHI OMAKWENZEKE
Uphawu lokubala ngokuhla
Lukhombisa kumsebenzisi wendlela ukuba indawo yokuphuma enesantya esiphezulu imalunga neemitha ezingama- 300
ngaphambili
Ekufikeni kwindawo yokuphuma ,
Ngokuqhelekileyo koohola.
Ukuba ufuna ukusebenzisa indawo yokuphuma, yenza isikhombisi esikhoyo sisebenze kwangethuba, kwaye lungisa isantya sesithuthi sakho ngokunjalo.
Uphawu lokubala ngokuhla
Lukhombisa kumsebenzisi wendlela ukuba indawo yokuphuma enesantya esiphezulu imalunga neemitha ezingama- 200
ngaphambili
Ekufikeni kwindawo yokuphuma ,
Ngokuqhelekileyo koohola
Ukuba ufuna ukusebenzisa indawo yokuphuma, yenza isikhombisi esikhoyo sisebenze kwangethuba, kwaye lungisa isantya sesithuthi sakho ngokunjalo
Uphawu lokubala ngokuhla
Lukhombisa kumsebenzisi wendlela ukuba indawo yokuphuma enesantya esiphezulu imalunga neemitha ezingama- 100
ngaphambili
Ekufikeni kwindawo yokuphuma ,
Ngokuqhelekileyo koohola
Ukuba ufuna ukusebenzisa indawo yokuphuma, yenza isikhombisi esikhoyo sisebenze kwangethuba, kwaye lungisa isantya sesithuthi sakho ngokunjalo.
Lukhombisa kumsebenzisi wendlela ukuba indlela engaphaya kolu phawu asiyondlela iphumelayo
Kunqumlwano lwayo nayiphi na indlela
Kawonke-wonke, ukulumkisa umsebenzisi wendlela
Ukuba le ndlela asiyo ndlela iphumelayo.
Ungayisebenzisi lendlela ukuba ufuna ukuqhubeka ngqo.
Lukhombisa kumsebenzisi wendlela ukuba indlela engaphaya kolu phawu esiyondlela iphumelayo.
Kunqumlwano lwayo nayiphi na indlela
Kawonke-wonke, ukulumkisa umsebenzisi wendlela
Ukuba le ndlela asiyo ndlela iphumelayo..
Ungayisebenzisi lendlela ukuba ufuna ukuqhubeka ekunene.
UPHAWU INJONGO PHI OMAKWENZEKE
Lubonisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela eya ngasekunxele asiyondlela iphumelayo.
Kunqumlwano lwayo nayiphi na indlela kawonke-wonke, ukulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela esekunxele asiyo ndlela iphumelayo.
Ungayisebenzisi lendlela ukuba ufuna ukuqhubeka uye ngasenxele.
Uphawu lokuba hamba
Lukhombisa umsebenzisi wendlela ukuba izithuthi kwindlela ahamba kuyo zingahamba kwisiphambuka esingaphambili.
Kunqumlwano, olufana nesangqa sezothutho, apho umthetho oqhelekileyo wokuba hamba ungasebenziyo
Nangona unelungelo lokuhamba,
Thoba isantya, kwaye ujonge izithuthi ezingenako
Ukukumela ukuba udlule.
Uphawu lwePaki nokukhwela
Lubonisa abasebenzisi bendlela ngobukho bepaki kunye nendawo yokukhwela.
Thoba isantya kwaye ujonge izithuthi kunye nabahambi ngeenyawo abaphuma okanye abangena kummandla.
Uphawu lweziko
Lolwazi
Lubonisa abasebenzisi bendlela
Indawo ene-ofisi yolwazi ikhefi okanye ibhodi.
Thoba isantya kwaye ujonge izithuthi kunye nabahambi ngeenyawo abaphuma okanye abangena kummandla
Uphawu lwemiqondiso yothutho
Enezigaba ezininzi
Lukhombisa abasebenzisi bendlela
Ukuba imiqondiso yothutho
Kwisiphambuka ekuza kungenwa kuso
Inezigaba ezingaphezulu kwisibini.
Ekuphambaneni kweendlela apho
Imiqondiso yothutho (iirobhothi)
Zinezigaba ezingaphezulu kwesibini.
Qaphela ukuba imisebenzi/amakhefu emiqondiso yothutho (iirobhothi)
awafani njengerobhothi enezigaba ezibini.
Qhubeka kuphela xa umqondiso oluhlaza, uvelile kwaye kukhuselekile ukwenza oko.
Ibhodi yerhafu yesango
Elihlawulelwayo
Lukhombisa abasebenzisi bendlela ukuba yimalini ehlawulwayo kwisango elihlawulelwayo elingaphambili.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke kamsinyane eza kuba yindlela enesango elihlawulelwayo
Ukuba ngaba awufuni ukulihlawulela,
Isango elihlawulelwayo sebenzisa enye indlela,
Njengoko ikhonjisiwe ngokwendlela yophawu lwendlela.
IIMPAWU EZIKHOKELAYO
IIMPAWU ZENDAWO
Uphawu lwegama lesitalato - Uphawu lwegama lwedolophana - Uphawu lwegama ledolophu okanye isixeko - Uphawu lwegama lomlambo
Uphawu lomda weSizwe okanye iphondo - Uphawu lwegama lendlela - Uphawu lwegama lokwananisa
IIMPAWU EZIPHAWULA INDLELA
Iimpawu eziphawula indlela zikhombisa abasebenzisi bendlela icala eya kulo indlela, inani, njl. njl.
Uphawu lomzila wesithuthi esiphambili - Uphawu oluphawula enye indlela engasetyenziswa - uphawu oluphawula uqinisekiso lwendlela
IIMPAWU ZECALA
Iimpawu zecala ezikhombisa icala okanye umgama oya kwindawo.
Uphawu lwecala oluluhlobo oluninzi - Uphawu lokuqinisekisa Uphawu lwecala oluphezulu
IIMPAWU ZECALA EZIKUHOLA
Iimpawu zecala ezikuhola zifunyanwa koohola, zikhombisa icala lendawo
Uphawu lwecala lokuphuma oluxelwa ngaphambili kwangethuba
IIMPAWU ZECALA LOKHENKETHO
Zikhombisa abakhenkethi amacala eendawo zokhenketho ezinomtsalane.
Uphawu lomtsalane wamaxa athile - Uphawu lokujika ungene - Uphawu lokugqibela lokujika
Izithuthuthu - Utolo lwasekunene - Utolo lwangethuba lwasekunene - Ukupaka
IIMPAWU ZAMACALA ZENGINGQI
IIMPAWU EZIYIMIZOBO
Ezi mpawu zilumkisa abasebenzisi bendlela malunga notshintsho endleleni.
Isithintelo - Indlela eyongezelelekileyo - Ulawulo lwesantya - Iindlela ziyadibana Iindlela ziya ziyohlukana
Uphawu lwendawo yokuphuma ebamba izithuthi ezikhulu xa ziphelelwe ziziqhoboshi exelwe kwangaphambili ngethuba
Uphawu lwendawo yokuphuma ebamba izithuthi ezikhulu xa ziphelelwe ziziqhoboshi exelwe ngethuba.
Uphawu lokuphuma lwendawo ebamba izithuthi ezikhulu
Uphawu lokuphuma lwendawo ebamba izithuthi ezikhulu
Sebenzisa igiya esezantsi - Sebenzisa ulawulo indlela engaphezulu - Uphawu lwesithuthi sikawonke-wonke - Uphawu olubonisa ukuma kweendlela
IIMPAWU EZIDIBENEYO IIMPAWU EZIDIBENEYO
Ukulumkisa abasebenzisi bendlela ngegophe elihle ngaphambili endleleni kunye nokucebisa ngesantya esikhuselekileyo
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Kukho igophe kwaye kubalulekile
Ukwehlisa isantya
Nangona isantya esiphezulu sinokuvunyelwa
Kwindlela ethile, kucetyiswa ukuba isantya sesithuthi
Sithotywe siye kwisantya esikhonjisiweyo ukwenzela ukuqhubeka
Ngokukhuselekileyo de igophe ligqitywe.
Ukulumkisa abasebenzisi bendlela ngendlela
Kunye nesantya esimiselweyo esisebenzayo ukuthobela
Umgama ofanayo.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke eye ibe namajiko-jiko.
Thoba isantya siye kwisantya esivumelekileyo
Njengoko kukhonjisiwe kuphawu,kwaye sigcine eso santya
Kumgama okhonjisiweyo. Ungawanyatheli amafutha
De ukhonjiswe luphawu lwendlela ukuba ukwenze oko.
Ukulumkisa abasebenzisi bendlela ngobukho
Kwindlela engaphambili
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Apho imingxunya inokulindeleka.
Sithobe isantya sesithuthi sakho
Ngokunjalo ukuze ube nako ukuthatha
Isenzo esiphephayo ukuba kuye kwakho imfuneko.
Ukulumkisa abasebenzisi bendlela ngophawu
Lokuma ngaphambili
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Apho kuyimfuneko ukuba uyimise imoto ingashukumi.
Thoba isantya kwaye uzilungiselele ukuba
Usenze sime isithuthi sakho kumgama oziimitha
Yesantya ngaphambili ukwenzela ukunyanzela ukuba
Izithuthi zinciphise isantya sazo kule ndlela
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Apho isantya esibekiweyo kwiindawo ezithile
Siphezulu kakhulu ukuba sikhuseleke.
Thoba isantya kwaye uqhube phezu
Ukulumkisa abasebenzisi bendlela ngendawo eyehlayo ngaphambili kumgama othile.
Kuqheleke kummandla onamahlathi
Esezantsi ukub akuye kwakho imfuneko.
IIMPAWU ZEXESHANA IIMPAWU ZEXESHANA
AMANQAKWANA:
Uphawu lwexeshana lulo naluphi na uphawu olubekwe endleleni ukuze lubonwe ngabasebenzisi bendlela ukukhombisa utshintsho kwiimeko eziqhelekileyo nokuba oku kokwemizuzu embalwa, iiyure okanye iinyanga ezininzi..
Apho iimpawu ezimbini zendlela ziphixanayo enye nenye, iimpawu zexeshana iya kuba zizo ezisebenzayo ngaphezu kwalio naluphi na uphawu.
UPHAWU LWANJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Ulawulo lwezothutho ngaphambili
Lulumkisa umsebenzisi wendlela
Ngokuba kukho igosa lendlela ngaphambili
Elilawula izithuthi okwexeshana
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke,
Ingakumbi kwimimandla yasezidolophini
Ukuba kukho imfuneko
Abantwana besikolo abagadileyo ngaphambili
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngabantwana besikolo abagadileyo
Basebenza okwexeshana ngaphambili
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Ingakumbi kummandla wesikolo.
Thoba isantya kwaye ujonge abantwana
Yima, ukuba kukho imfuneko
Ukuze abantwana abanqumla aindlela bahambe.
Kuyasetyenzwa endleleni
Lulumkisa umsebenzisi wendlela
Ngokwakhiwa kwexeshana kwendlela,ulungiso
Okanaye umsebenzi onxulumeneyo uyaqhutywa ngaphambili
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke.
Thoba isantya kwaye ujonge abasebenzi abalungisayo okanye izithuthi endleleni
Isigutyuli esisebenzayo
Lulumkisa umsebenzisi wendlela
Ngesigutyuli esisebenzayo
Ngaphambili endleleni.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke,
Thoba isantya kwaye ujonge isigutyuli.
Amatye aqengqelekayo
Lulumkisa umsebenzisi wendlela
Ngokubakho kwamatye aqengqelekayo
Okanye igrabile ngaphambili endleleni
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke,
Ingakumbi iindela ezisanda kufakwa itha ezenziwe umphezulu ngokutsha.
Thoba isantya kwaye unyuse umgama
Wokulandela ukunciphisa ubukho bamatye
Aqengqelekayo anokonakalisa isithuthi sakho.
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Isinyuko esiphantsi
Lulumkisa umsebenzisi wendlela
Thoba isantya kwaye uzame ukuphepha
Lulumkisa umsebenzisi wendlela
Ngesimo sendawo esecaleni yendlela
Ukuba ithambile kunokuba kulindelekile
Kwaye inobungozi kuye nabanina ofuna ukumisa ecaleni kwendlela.
Okanye emva kweemvula ezinkulu.
Thoba isantya kwaye ukuphepha ukuqhuba ecaleni endleleni.
Ulawulo olungaphambili
Lokuba "Yima/Hamba"
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ukuba ezothutho ngaphambili zilawulwa okwexeshana luphawu oluphethweyo luka YIMA - HAMBA
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke elungiswayo
Thoba isantya kwaye ume, ukuba uyalelwe ukuba uyalelwe ukuba wenze oko.
Izithuthi ezilungisayo ziyanqumla
Lulumkisa umsebenzisi wendlela, ukuba izithuthi ezilungisayo ziyanqumla okanye zingene endleleni ngaphambili ngasekunene okanye ekhohlo
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Elungiswayo.
Thoba isantya kwaye ume, ukuba uyalelwe ukuba uyalelwe ukuba wenze oko.
Isibane esidanyazayo sengxakeko
Lulumkisa umsebenzisi wendlela
Ngengozi engaphambili ngesibane
Olulumkisayo.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Apho abasebenzisi bendlelakufuneka bazisiwe ngengozi engaphambili.
Thoba isantya okanye ume xa kukho imfuneko.
Isibane esidanyazayo
Sexeshana samapolisa
Lulumkisa umsebenzisi wendlela ngobukho bamapolisa ngaphambili kuphawu lokuma lwexeshana, okanue lulumkisa ngendawo yengozi okanye ukwenzeka okufanayo apho amapolisa akhoyo.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Bazisiwe ngokuma kwamapolisa ngaphambili.
Thoba isantya okanye ume xa kukho imfuneko.
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA -PHAMBILI
Ingozi ngaphambili
Lulumkisa umsebenzisi wendlela
Ngengozi ngaphambili.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Bazisiwe ngobukho bengozi ngaphambili.
Thoba isantya okanye ume xa kukho imfuneko.
Lulumkisa abasebenzisi bendlela
Utshintsho kwindlela ngasekhohlo
Kuyo nakuyiphi na indlela, ingakumbi
Apho kulungiswa khona indlela.
Thoba isantya kwaye uthathe amanyathelo
Afanelekileyo njengoko uyalelwe luphawu.
Umqobo wexeshana
Lulumkisa abasebenzisi bendlela
Ukuba inxenye yendlela ivalwe
Okwexeshana kwitrafiki.
Kuyo nakuyiphi na indlela kawonke-wonke
Evalwe okwexeshana kwitrafiki.
Lulumkisa abasebenzisi bendlela
Ngaphambili ayisebenzi.
Kuyo nakuyiphi na indlela kawonke-wonke
Apho imiqondiso yetrafiki ingasebenziyo ngaphambili
Thoba isantya okanye ume xa kukho imfuneko
Lulumkisa abasebenzisi bendlela
Ngaphambili ayisebenzi
Ngaphambili.
Thoba isantya okanye ume xa kukho imfuneko.
Icala lendlela ephambukayo
Lulumkisa abasebenzisi bendlela ngendlela
Ngendlela ephambukayo ngaphambili
Ngalo.
Apho indlela ivalwe okwexeshana.
Thoba isantya, qhubeka, xa kukhuselekile
Kwicala elikhonjiswe kuphawu.
Uqinisekiso lwendlela
Ephambukayo
Ukuqinisekisa kubasebenzisi bendlela
Enye indlela enokusetyenziswa
Apho indlela ivalwe okwexeshana
Qhubeka kule ndlela de ngenye
Indlela ukhonjiswe ngohlobo lophawu lwendlela.
IIMPAWU EZIDIBENEYO ZEXESHANA IIMPAWU EZIDIBENEYO ZEXESHANA
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA -PHAMBILI
Lulumkisa abasebenzisi bendlela ngendlela
Ngokuma kwamapolisa ngaphambili ukuvalwa kwendlela ngamapolisa
Thoba isantya okanye ume xa uyalelwe ukuba
Wenze oko.
Lulumkisa abasebenzisi bendlela ngabantwana
Besikolo abagadileyo kumgama okhonjisiweyo
Ngaphambili.
Kufutshane nesikolo
Thoba isantya okanye ume xa uyalelwe ukuba
Wenze oko.
Ukumkisa abasebenzisi bendlela
Ngokusetyenzwa kwexeshana
Kumgama othile ngaphambili
Thoba isantya kwaye ujonge abasebenzi
Bokwakha ngaphambili
Ulumkisa abasebenzisi bendlela
Ngokuma kwamapolisa ngaphambili ukuvalwa kwendlela ngamapolisa
Thoba isantya okanye ume xa uyalelwe ukuba
Wenze oko.
Ukulumkisa abasebenzisi bendlela
Ukuba indlela incitshisiwe okwexeshana
Ukuba ibe yindlela enye ukusuka ekunene
Kumgama othile, njengoko kukhonjisiwe
Kuphawu.
Ingakumbi ezisuka ekunene.
Lukhombisa kubasebenzisi bendlela
Ukuba, xa beqhuba ekupheleni kwendlela
Esekunene, mabagcine okanye
Babudlule ubuncinane besantya esibekiweyo
Esikhonjiswe kuphawu.
Ukuba ngaba indlela esekugqibeleni
Ekhohlo iyasetyenziswa, ungaqhubi
Ngesantya esisezantsi kuneso sikhonjiswe kuphawu.
IMIQONDISO YENDLELA IMIQONDISO YENDLELA
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Idiski ecothayo
Eluhlaza
Ukhombisa umsebenzisi wendlela ukuba aqhubeke kwisiphambuka.
Ekudibaneni kweendlela kwindlela kawonke-wonke.
Khumbula ukuyimela enye itrafiki
Ngokusemthethweni kwisiphambuka okanye
Kwindawo yokunqumla abahamba ngenyawo.
Idiski ecothayo eqanda
Ukhombisa umsebenzisi wendlela ukuba eme.
Ekudibaneni kweendlela kwindlela kawonke-wonke.
Ukuba ukufutshane kumgca wokuma
Singabi nako ukuma ngokhuseleko,
Ungaqhubeka ngokukhuselekileyo.
Idiski ecothayo ebomvu
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba eme emva komgca wokuma kwaye eme de umqondiso wesibane esiluhlaza uvele
Ekudibaneni kweendlela kwindlela kawonke-wonke.
Thoba isantya kwaye isithuthisakho usenze
Ukuba sime. Ungaqhubeki de umqondiso
Wesibane esiluhlaza uvezwe,
Kwaye nangoko, kunokwenziwa oko kuphela
Xa kukhuselekile ukuba kwenziwe.
Idiski ebomvu
Edanyazayo
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba enze njengakwindawo yokuma.
Enamacala amane.
Ekudibaneni kweendlela kwindlela kawonke-wonke.
Ukuba ngaba usondela lo mqondiso,
Kufuneka wernze njengoko usenza kuphawu
Lokuma, kwaye ngeke uqhubekele kwisiphambuka de zibe zonke izithuthi ebezimile kwelinye icala lomgca wokuma phambi kwakho, kwaye ebeziza kunqumla indlela yakho, zisukile kwisiphambuka.
Utolo oluluhlaza
Oludanyazayo
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ahambe aye kuphela kwicala elikhonjiswa
Ngumqondiso, ukuba kukhuselekile.
Ekudibaneni kweendlela kwindlela kawonke-wonke.
Ukuba ngaba ujonge ukuqhubela
Kwicala lotolo, ungahamba, okanye
Kufuneka ume kwaye ulindele umqondiso
Oluhlaza ukuba uvele.
Utolo olubomvu
Oludanyazayo
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba amise isithuthi emva komgca
Wokuma. Ukuba ngaba ufuna ukujika ekhohlo
Kwisiphambuka, ukuze aqhubeke phantsi kweemeko
Ezithile.
Ekudibaneni kweendlela kwindlela kawonke-wonke.
Kwaye ukuba ufuna ukujika ekhohlo,
Qhubeka nokuba idiski ebomvu ivelile.
Makuhambe itrafiki evela ekunene .
Okanye abantu abahamba ngeenyawo ekuvele kubo isibane esiluhlaza.
UMQONDISO OBOMVU ODANYAZAYO
UMQONDISO OBOMVU ODANYAZAYO
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Umqondiso odanyazayo obomvu
Lo mqondiso ubaluleke ngokufanayo
Nophawu lokuma.
Umqondiso odanyazayo
Obomvu wokunqumla
Isiporo
Le miqondiso isetyenziswa kwindawo
Yokunqumla isiporo. Imiqondiso
Ukukhombisa ukuza kukaloliwe
Kwindawo yokunqumla isiporo
Thoba isantya kwaye ume.ungaqhubeki
Xa imiqondiso idanyaza ngokutshintshana, kuba
Oko kukhombisa uloliwe ozayo.
IMIQONDISO EPHEZULU ELAWULA AMACALA ENDLELA
IMIQONDISO EPHEZULU ELAWULA AMACALA ENDLELA
UPHAWU INJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Umnqamlezo ocothayo obomvu
Ukhombisa abasebenzisi bendlela
Ukuba indlela ephantsi kolu phawu
Kwelinye icala.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke, kodwa
Ngokuqhelekileyo kumasango ahlawulelwayo.
Ungayisebenzisi indlela ephantsi kolu phawu
Ngqo, yeyetrafiki ehamba kwelinye icala
IPhepha 54
Utolo olucothayo
Oluluhlaza olukhombe phantsi
Ukhombisa abasebenzisi bendlela
Ukuba basebenzisa indlela utolo
Oluvele phezu kwayo.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke, kodwa
Ngokuqhelekileyo kumasango ahlawulelwayo.
Sebenzisa indlela ephantsi kolu phawu ngqo,
Ukuba ufuna ukuqhubeka.
Ukhombisa umsebenzisi wendlela ukuba indlela
Olu tolo oluvezwe kuyo, ivaliwe ngaphambili.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke.
Yishiye indlela ekwicala lotolo,
Xa kukhuselekile ukuba wenze njalo
EMINYE IMIQONDISO ELAWULAYO
EMINYE IMIQONDISO ELAWULAYO
IMIQONDISO YEZANDLA YOKUMA
Nasecaleni
UMQONDISO WEFLEGI YOKUMA
IPhepha 55
Yonke itrafiki eza kwindoda ephethe
Iflegi kufuneka ime
IMIQONDISO YEZANDLA YOKUBA UQHUBEKE
IMIQONDISO YEFLEGI YOKUBA UQHUBEKE
IPhepha 56
IMIQONDISO ELUMKISAYO
IMIQONDISO ELUMKISAYO
UMQONDISO WEFLEGI WOKUTHOBA ISANTYA
IPhepha 57
ISIMO SENDLELA ISIMO SENDLELA
ISIMO SENDLELA
- INDLELA EPHAMBUKAYO
- INDLELA ENGAPHANDLE
- INDLELA
- ECALENI LENDLELA
IZIPHAWULI ZENDLELA
IZIPHAWULI ZENDLELA
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Isiphawuli somgca wokuma
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Indawo yokuba eme.
Ekudibaneni kweendlela kwindlela
Thoba isantya kwaye ume ngoko nangoko emva komgca wokuma.
Hamba kuphela xa kukhuselekile
Ukuba wenze oko.
Isiphawuli somgca wokuma (yekelela)
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Indawo apho makamele enye itrafiki ekufanele ihambe.
Ekudibaneni kweendlela kwindlela
Thoba isantya kwaye ujonge itrafiki evela
Ekhohlo okanye ekunene. Yima ukuba kukho
Imfuneko ukuvumela ezinye izithuthi zihambe.
Iziphawuli zokunqumla
Abahambi ngeenyawo
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba athobe isantya okanye eme,
Ukuba kukho imfuneko okanye avumele
Abahambi ngeenyawo ukuba banqumle,
Kwindawo yokunqumla abahamba ngeenyawo.
Ekudibaneni kweendlela kwindlela
Thoba isantya kwaye ujonge abahambi ngeenyawo, yima ukuba kukho imfuneko ukuvumela abo bahambi ngeenyawo banqumla indlela kwindawo yokunqumla abahamba ngeenyawo.
Abahambi ngeenyawo
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba athobe isantya okanye eme,
Ukuba kukho imfuneko okanye avumele
Abahambi ngeenyawo ukuba banqumle,
Kwindawo yokunqumla abahamba
Ngeenyawo
Ekudibaneni kweendlela kwindlela
Ngeenyawo banqumla indlela.
Thoba isantya kwaye ujonge abahambi ngeenyawo, yima ukuba kukho imfuneko ukuvumela abo bahambi ngeenyawo banqumla indlela kwindawo yokunqumla abahamba ngeenyawo.
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Uphawu lokuba isithuthi
Singadluli esinye
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba anganqumli kuphawu
Lokuba kungadlulwa ezinye izithuthi, okanye ahambe kuloo nxenye yendlela aye ekunene.
Kuyo nayiphi na indlela kawonke-wonke
Apho ukudlula ezinye izithuthi kuyingozi.
Thoba isantya kwaye ugcine umgama wokulandela
Okhuselekileyo emva kwetrafiki ehamba
Kancinane, de kube kukhuselekile ukudlula.
Uphawu lokuba
Akunqunyulwa
Ukhombisa umsebenzisi wendlela ukuba
Anganqumli isiphawuli sokuba kunganqunyulwa
Okanye aqhube kwinxenye yendawo ekunene
Kwendawo enganqunyulwayo
Kuyo nayiphi na indlela kawonke-wonke
Apho ukudlula ezinye izithuthi kuyingozi.
Thoba isantya kwaye ugcine umgama wokulandela
Okhuselekileyo emva kwetrafiki ehamba
Kancinane, de kube kukhuselekile ukudlula.
Uphawu olungumgca
Osekugqibeleni ekhohlo oqanda
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Uphawu olusekugqibeleni endleleni
Ekhohlo kwaye makungahanjwa
Ekhohlo kophawu olunjalo.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke.
Ungasinqumli isiphelo esisekugqibeleni
Esisekhohlo endleleni.
Uphawu olungumgca
Osekugqibeleni ekunene omhlophe
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Uphawu olusekugqibeleni endleleni
Ekunene kwaye makungahanjwa
Ekunene kophawu olunjalo.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke.
Ungasinqumli isiphelo esisekugqibeleni
Esisekunene endleleni.
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba anga-
a nqumli iziphawuli; okanye b yima kwiziphawuli.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Unganqumli okanye ume kwiziphawuli ezinjalo.
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Uphawu lwendawo
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba indawo ephawulwe ngophawu
Njengoko kukhonjisiwe ngophawu
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke.
Indawo ephawulwe ngenye yezi
Mpawu yenzelwe ukuba isetyenziswe zizithuthi ezikhethekileyo ezinjalo.
Ungapaki phakathi kwendawo enjalo, ukuba
Ngaba uphawu alungqinelani nesithuthi
Osiqhubayo.
Iziphawuli zotolo
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Kuphela
Kwiindlela ezingena
Kunqumlwano kwindlela
Wakuba qanda umbala wotolo, alukuvumeli ukutshintshwa kwendlela, ngoko ke kufuneka uqhubeke ngecala elikhonjwe lutolo.
Isiphawuli sesiphambuka esiyibhokisi oQanda
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba angangeni kummandla webhokisi
Kwisiphambuka ukuba ngaba akanako
Ukunqumla kummandla ngenxa yezithuthi
Zempahla: Ngaphandle kokuba nasiphi na isithuthi esijika ekhohlo okanye ekunene sinokungena kweso siphambuka sinjalo.
Akukho sithuthi sivumelekileyo ukuba sime
Kwibhokisi kunqumlwano lweendlela
Ngaphandle kokuba isithuthi esinjalo
Sicinga ngokujika ekunene okanye ekhohlo
Kodwa kunyanzelekile ukuba sime sivulele
Indlela itrafiki ezayo okanye abahamba ngenyawo.
Isiphawuli somgca ekungamiwayo kuwo oBomvu
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba eme kufuphi nomgca obomvu
Kuyo nayiphina indlela
Zempahla zingabanga ingozi
Kubasebenzisi bendlela.
Ungemi ecaleni komgca obomvu
Ngaphandle kokuba uyalelwe
Letrafiki.
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Oqanda.
Apho izithuthi ezimileyo zinokubanga ingozi
Kubasebenzisi bendlela.
Ngaphandle kokuba uyalelwe
Ligosa letrafiki.
UPHAWU INJONGO PHI OMAKWENZIWE
Isangqa esincinane
Ukhombisa umsebenzisi wendlela
Ukuba avumele nasiphina isithuthi
Esinqumla umgca ukuba sihambe
Phambi kwakhe.
Kunqumlwano lweendlela
Vumela ukuba sihambe
Nasiphina isithuthi esinqumla
Umgca ovumela ukuba kuhanjwe
Phambi kwakho, kwaye uqhubeke
Kwicala elijikelezela ekunene
Ukungangeneli kwisangqa esincinane.
Isiphawuli sonqumlo lwesiporo
Ulumkisa umsebenzisi wendlela
Kuyo nayiphina indlela
Thoba isantya, ujonge uloliwe
Kwaye ume ukuba kukho imfuneko.
Isiphawuli sokuvumela
Ukuba izithuthi zihambe
Ulumkisa abasebenzisi bendlela
Ngophawu lokuhamba okanye uphawu
Ngaphambili.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke.ekungeneni kwisiphambuka.
Thoba isantya kwaye ujonge itrafiki
Kunye nabahambi ngeenyawo
Abangena kunqumlwano. Yima, ukuba
Kukho imfuneko.
Iimoto azidlulani okanye
Awunqunyulwa umgca ongaphambili
Ulumkisa umsebenzisi wendlela
Ukuba iimoto azidlulani
Okanye ayinqunyulwa
Imigca yeziphawuli ezingaphambili.
Kuyo nayiphina indlela
Umgca onganqunyulwayo.
Hamba ekhohlo kwaye
Ugcine umgama wokulandela
Emva kwezithuthi ezihamba kancinane
UPHAWU LWENJONGO APHO KUCHASWA INKQUBELA-PHAMBILI
Indawo yokuma
Ezinde/eziliqhina ukwenzela indawo yokuma
Ekhuselekileyo kwizithuthi ezikhulu
Ezingalawulekiyo
Kwiindawo ezinde kunye/okanye
Yima kude kule mimandla kuba yenzelwe,
Iitraki ezizibalekelayo ukuba zisebenzise yona
Indlela yokubalekela ngaphambili
Indlela engaphazamisekanga ebingaba
Ngumqobo kwindlela.
Ukunika indawo yokuphephela
Ekhuselekileyo kwisango elihlawulelwayo.
Indlela enye mayiphawulwe kwaye igcinelwe le njongo kuphela
Yima kude kule mimandla,
Ukuba ziyisebenzise.
Umqobo wesantya
Ulumkisa abasebenzisi bendlela
Ngomqobo wesantya endleleni.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Kummandla wasezidolophini apho kukho
Imfuneko yokuthoba isantya kuzo zonke
Izithuthi.
Thoba isantya siye apho imeko inokusivumela.
Ukhombisa abasebenzisi bendlela isahlulo
Sendlela abakhweli beebhayisekile abayisebenzisayo
Ukunqumla indlela.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Kummandla wasezidolophini apho
Apho iyimfuneko ukubakho kwendawo
Iibhayisekile zinokunqumla khona
Endleleni.
Thoba isantya kwaye ujonge abakhweli beebhayisekile. Yima, ukuba kukho imfuneko, ukunika ithuba lokudlula kubakhweli beebhayisekile abanqumla indlela.
Isiphawuli somqukumbelo wendlela esiMnyama naMhlophe
Sinika isikhokelo esongezelelekileyo
Kumsebenzisi wendlela ngokuphathelene
Nobukho bomqukumbelo wendlela
Kumgca womqukumbelo wendlela endleleni.
Kuyo nayiphina indlela kawonke-wonke
Nawuphina umqukumbelo wendlela.
